IMIGUSHUZO yakutsha nje engokunyevulela udlwengulo kwiYunivesithi yaseRhodes ebisenziwa ngabafundi kwakunye nabasebenzi, ibeka esithatheni imiba ebalulekileyo nephazamisayo eMzantsi Afrika, nalapho kuqikelelwa ukuba omnye kwabasetyhini abahlanu lixhoba lodlwengulo kwakunye neminye imiba ephathelene kuxhaphazo ngokwesini minyaka le.
Le migushuzo ayizisanga ngaphambili umba wodlwengulo kunye nempatho-gadalala ngokwesini nje kuphela, kodwa iveze notshintsho oludingekayo ngendlela umba udlwengulo kunye nempatho-gadalala ngokwesini ophathwa ngayo, ngokunjalo nomba wokujongwa komakulinganwe kubudlelwane phakathi kwezini. Ukuqinisa eli lizwi kwakunye nokuvakalisa esi simbonono, umbutho wophuhliso wolutsha iLove Life, ubonakalisa ukuyixhasa le migushuzo nomyalezo ehamba nawo wokuba, thina siluluntu olunoxanduva asiluxhasi udlwengulo naluphina uhlobo loxhatshazo. “Sibona ingumsebenzi wethu ukukhusela nokuqwalasela amalungelo abo acinezelekayo amalungelo abo ekuhlaleni,” batsho abakwaLoveLife.
Kutsha nje, iLoveLife nabo ibambisene nabo phantsi kothintelo lwempatho-gadalala, isungule inkqubo ejolise ukuhlakula imiba ekhokelela kuxhatshazo ngakumanina kwakunye nabantwana.ILoveLife ibambe amaphulo aliqela kwizithili ezithile zeMpuma Koloni naseFree State, maphondo lawo athwaxwa yimpatho-gadalala ngokwesini.
La maphulo aquka iinkqubo zikanomathotholo nomabonakude,ukuxhotyiswa kweenkqubo zobuntatheli eziphantsi kwenkqubo yeMedia Ys yakwaLoveLife, inkqubo zokuxhotyiswa kweengingqi ze-O.R.Tambo District Municipality eMpuma Koloni kwakunye nezithili eziphantsi kweThabo Mofutsanyana eFree State.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup