Udlwengulwe izihlandlo abantwana bebukele

AMAPOLISA aseWhittlesea axakekile ekhangela umrhanelwa odlwengule intwazana eneminyaka engamashumi amabini anesithathu (23) izihlandlo eziliqela kwasa phandle lo gama abantwana ababini bebukele.

Esi sehlo, senzeke eThambo Village kufuphi neWhittlesea kwiveki ephelileyo. Iingxelo zithi kuthe isalele intwazana le, kunye nabantwana bayo ababini abaneminyaka esixhenxe nomnye oneenyanga ezisibhozo, kwankqonkqoza umntu efestileni.

Bathe besaphulaphule leyo, suka waqhekeza ifestile wangena ngayo urheme. Uthe akungena ngefestile umrhanelwa lo, waqonda ngentwazana le waze wayirhuqela phezu komnye umandlalo obungenamntu wayidlwengula.

Kusenzeka yonke le nquleqhu, abantwana basisijwede ukukhalela unina bejonge naluphi uncedo abanokulifumana.

Ethubeni uye waphuma phandle lo umdala umntwana, wahlaba umkhosi. Emva kokuva esi sikhalo, kuye kwafika umfana osivileyo esi simbonono.

Ayikhange yenze kwanto le ndoda kuba umrhanelwa usuke wakhupha umkhono-wekati wamgrogrisa ngawo.

Kuye kwanyazaleka ukuba umfana lo aphume ngomnyango kuba esoyikisela ubomi bakhe wababeleka abasicatyana.

Uye waqhubela phambili umrhanelwa nomsebenzi wakhe wokungcola, edlwengula olo sizana lentwazana lungenamthetheleli kwada kwasa.

Uthe akuvuka umrhanelwa wanyalasa ukuhamba oku, ngokungathi khange kwenzeke nto. Ixhoba liye lachazela ikomiti ejongene nolwaphulo-mthetho iCPF [Community Policing Forum] kule ndawo, yaza yona yabikela abakwantsasana ngokukhawuleza.

Izibika ngesi senzo sibi kangaka le ntwazana, egama layo lingenakuchazwa ithe: “Ndiziva umphefumlo wam unokudandatheka, ndibuhlungu kakhulu kuba akaqali ukuyenza umrhanelwa le nto, sele ilithuba lesibini eli. Ndinqwenela umthetho udlale indima yawo, kuba akunakubakho ukonwaba kum ubulungiswa bungekho.”

Iqhubeke yachaza indlela eyadlwengulwa ngayo kwisihlandlo sokuqala phambi komama wayo ebukele.

Ihambise yathi, kuyacaca ukuba umrhanelwa wayefihle intloko kwenye indlu esecaleni kwakufutshane apha nengahlali bantu.

Ibuzwa ukuba kwakutheni na ukuba ingalivuli ityala kwasekuqaleni, iphendule yona yathi: “Umama wam akazange abonakalise umdla wokundixhasa kwelo nyathelo, nam ndaziva ndityhafile kuba ndayibona njengehlazo into yokudlwengulwa kwam phambi komzali wam.”

Imeko yeli khaya ayiginyisi-mathe kuba akukho mntu osebenzayo, umama wale ntwazana ngumntu ozithengisela edolophini yakuKomani.

Abantwana bayo ababini baxhomekeke kwimali yesibonelelo sikarhulumente ukuze baphile.

Le ntwazana ithi ingamkhomba umrhanelwa xa inokumbona, noxa nje ingamazi ngegama.

Isithethi samapolisa uKapteni Namhla Mdleleni uthe ityala lokudlwengula livuliwe kwaye umrhanelwa usakhangelwa.

Ulebele ngelithi amapolisa asaqhubeka nomsebenzi wokuphanda.

isibhalo@inl.co.za