UDonald Trump nguMongemeli welizwe laseMelika kwakhona emva kokuba ephumelele ngokucacileyo ulonyulo obeluqhutywa kwela lizwe ukusukela ngomhla wesihlanu kweyeNkanga ebetha uKamala Harris weDemocratic Party.
Oku kusemva kokuba uTrump wabethwa ngokucacileyo kunyulo kwiminyaka emine eyadlulayo nguJoe Biden weDemocratic Party.
Kuthiwa uTrump nguMongameli wokuqala emva kweminyaka elikhulu elinamashumi amathathu ukuba aphinde aphathe njengoMongameli.
Ukanti uHarris linenekazi lesibini kwela lizwe ukuba angene ugqatso lokongamela aze abethwe kumjikelo wokugqibela.
Ngaphandle kokuphumelela kukaTrump, iRepublican Party ikwaphumelele iindawo ezibalulekileyo eziquka iOhio, West Virginia kwakunye neNebraska.
Phakathi kwezithembiso ezenziwe nguTrump kukuba amaxabiso okutya azakubuyela esiqhelweni kwela lizwe, kwaye ubunganga nesidima selizwe laseMelika naso uzakusibuyisa.
UTrump uthembisa phakathi kwezinye izinto ukuba urhulumente wakhe uzakwenza ushishino olucacileyo neenkampani zabantu baseMelika. Ukugxothwa kwabaphambukeli abakwela lizwe ngokungekho mthethweni sesinye sezicwangciso zale ndoda.
Makadedele abanye uMalema kwiEFF