UDonell Mbele otyholwa ngokudlwengula ukhululwe ngebheyile yeR1000

UDonell Mbele ngethuba evela enkundleni. Umfanekiso: Newzroom Afrika/X

UDonell Mbele, nongunyana womdlali kamabonakude nosomashishini, uSonia Mbele, ukhululwe ngebheyile yeR1000 emva kokuvela kwinkundla kamantyi yaseRandburg ngamatyala amabini okudlwengula ngoMvulo, umhla wama20 kweyoMqungu 2025.

Izityholo zivela kwisikhalazo esibhaliswe kwisikhululo samapolisa saseSandton sisithandwa sakhe esineminyaka eli17 ubudala nesityhola ukuba uDonell wamdlwengula ngomhla we14 nowe15 kweyoMnga 2024 kwindawo ahlala kuyo eMorningside, ngokutsho kwesithethi seNPA eGauteng, uPhindi Mjonondwane.

“Uye wachaza ukuba bebezikhuphile ngomhla we14 kweyoMnga 2024 baya eClear Water Mall.

“Emva kokusela iziselo ezithile naxa bebona ukuba indawo yokutyela ababehleli kuyo sele iza kuvalwa, bakufudukela kwindawo eyahlukileyo. Utyhola ngelithi uDonell wathi ufuna ukudlula aye kwindawo ahlala kuyo njengoko efuna ukutshaja ifowuni yakhe. Ekufikeni kwabo, kulapho kutyholwa ukuba zenzeke khona ezo ziganeko,” utshilo uMjonondwane.

Esi ayisosityholo sokuqala sobundlobongela obusekelwe kwisini uDonell atyholwa ngaso. Ngo2022, owayesakuba yintombi yakhe, uReokeditswe Makete, wamtyhola ngokumbetha nokumdlwengula.

Ityala lihlehliselwe umhla we10 kweyoMdumba 2025 ukuze kuqhutyekwe nophando.