Udonga lobumpi kulwimi isiXhosa

Ulwimi ngalunye lusetyenziswa ngokwemigaqo yokubhalwa nokupelwa kwalo. YiPanSALB ethwaliswe olo xanduva ngokwaseburhulumenteni, njengogunyaziwe kwimicimbi yeelwimi kweli lizwe.

Unyaka wama2017 yayingunyaka wokuhlaziywa kwemigaqo yokubhala neyokupela iilwimi ezisemthethweni zeli lizwe. Iingcali nabanini nabathandi nabasebenzisi bolwimi isiXhosa bahlanganisana eMthatha ukuba bahlaziye imigaqo yolwimi isiXhosa.

Iilwimi zabantsundu beli lizwe zibhalwe ngokwemigaqo yesiNgesi, kangangokuba nokufundiswa kwazo kumazikomfundo enomsila bezifundiswa ngesiNgesi.

AmaXhosa ahleli ixesha elide engade aluthathele kuwo ulawulo lweelwimi zawo, eyekele kwabo beza nenkqubo yokubhalwa kwazo.

Njengokuba ukubhalwa kwesiXhosa kwaqalwa kwaRharhabe, apho amamishinari ayexhwarhe khona, iindlela zokuthetha kwaMaMpondo, aMaMpondomse, aMaHlubi, naMaBhaca zashiywa ngaphandle kubhalo lolu lwimi.

Oku kuhambe kwadala umbhodamo apho ongengowakwaRharhabe bekusithiwa akathethi okanye akabhali siXhosa sisiso, kuba ebhala ngendlela ekuthethwa ngayo kwingingqi aphuma kuyo.

Kube yiminyaka abantu becalulana ngesiXhosa esisiso nesingesiso, ongathethi ngokwakwaRharhabe kuthiwe uthetha ulwimi lwengingqi, kulityalwe ukuba kwanaleyo yakwaRharhabe indlela yokuthetha yeyengingqi.

IsiXhosa sithethwa ngeendlela ezahlukileyo ngokwahluka kweendawo, ngokwenziwa kokubangqongileyo kwezo ngingqi. Ngako oko naluphi na uhlobo lokuthetha lolwengingqi; akukho siXhosa singesiso esengingqi ke ngoko.

Esi siXhosa kubhalwa ngaso sisiXhosa sengingqi eyathi yasenyhwebeni yokuba kubhalwe indlela yayo yokuthetha xa kwakuqalwa ukubhala isiXhosa, kuba abo babebhala babefikele kuleyo ngingqi, besazi isiXhosa saloo ngingqi.

Kude kwangunyaka wama2017 apho zithe zathethwa ngokungafihlisi ezi ndawo, kudilizwa udonga lobumpi phakathi kwabathetha ulwimi isiXhosa.

Into ethi “ulwimi lwengingqi” yathathwa yajulelwa phandle ukuba iqwengwe ngamarhamncwa ukuze ingaze iphinde ibe yintonga yakhe nabani na ukohlwaya abantu ngokweengingqi abaphuma kuzo.

Oku akuthethi ukuba akukho ukuthetha ngokwahlukileyo omnye komnye, ngokweengingqi, koko kuthetha ukuba akukho ndlela yakuthetha ingeyiyo eyengingqi.

Konke ukuthetha kokwengingqi. Ngokolu hlaziyo lwemigaqo ke akusekho bani unokuthi ‘ayisosiXhosa esi sisiMpondo okanye sisiHlubi.’

Zonke ezi ngingqi ulwimi lwazo olusesikweni sisiXhosa; abantu bathetha ngokwefuthe lezinto ezibangqongileyo, njengawe lowo kuleyo yakho ingingqi.

Wumbi wothi akuvi sivumela ukuba ulwimi olu lungalawuleki na xa sivumela zonke iindlela zokuthetha njengezisesikweni. Hayi, ayikokulwenza lungalawuleki, koko kwenziwa ekwakumele ukuba kwenziwa kwakwiminyaka yoomawokhulu ukubhala ulwimi isiXhosa.

Kwakumele ukuba sithathele kwindawo ayephele kuyo amamishinari siqhube sibandakanye zonke iindlela zethu zokuthetha ukuze sibe sisizwe esinye. Ukuma ndawonye kuko okwasonayo, kwadala umsantsa esingawudingiyo.

Ukubandakanywa kwezi ndlela zokuthetha kwimigaqo kuza kwenziwa ngokuthi xa ihlaziywa imigaqo kuqwalaselwe ukuba zeziphi na ezinye iindlela zokuthetha ezisetyenziswa ngamaXhosa ezingekhoyo emgaqweni.

Ezo ndlela ziza kuphononongwa zilungelelaniselwe ukuba zibhaleke ngokukuko, zandule ukufakwa kwimigaqo.

Ngako oko akuzuvulwa njee ukuba ubani asebenzise neendlela ezingagunyaziswanga. Ulwimi luseza kuhlala lulawulwa ngemigaqo ukuze lusetyenziswe ngokuphucukileyo. Imigaqo yokubhala neyokupela ihlaziywa rhoqo emva kweminyaka emihlanu, ngokwezimiso zePanSALB.

Ibhodi yolwimi ngalunye inyanzeliswa ukuba ihlanganise abanini nabasebenzisi nabathandi bolwimi ukuze kuqwalaselwe iindawo zokulungiswa nezokubandakanywa kwimigaqo yolwimi olo.

Imigaqo yokubhala nokupela ulwimi isiXhosa ehlaziyiweyo ibiphehlelelwa yiPanSALB ngomhla wama26 kweyoMsintsi 2019 eBhayi, kusabelwana noluntu ngeendawo eziguqulweyo nezihlaziyiweyo.

Ukhala wemigaqo yolu lwimi yiBhodi yoLwimi isiXhosa yeSizwe, phantsi kweOfisi yeMpuma Koloni yePanSALB.

Ludiliziwe ke udonga lobumpi kubasebenzisi bolwimi isiXhosa ukuze babe yimbumba, uMpondo noRharhabe ndawonye.