Udubule isithandwa sakhe wasishiya sibhubhile endleleni

Amapolisa aseGcuwa asikhalimele kabukhali isehlo esenziwe nguKhaya Ngxobongwana waseManqulo eGcuwa, otyholwa ngokudubula isithandwa sakhe uZusiphe Mki, wamshiya ebhubhile endleleni.

Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha, uthi uMki (23) ubonwe ngabantu abazihambela ngendlela ethe tywa endleleni kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo emva kokuba edutyulwe nguNgxobongwana (41) kubusuku bomhla wamashumi amabini anesixhenxe kwinyanga ephelileyo.

UManatha uthi uNgxobongwana ubanjwe kwidolophu yaseMqanduli ngomhla wesixhenxe kule nyanga. UNgxobongwana uvelile kwiinkundla zamatyala eGcuwa kuMvulo wale veki, nalapho aye wayalelwa ibheyile. Ityala lakhe lizakubuyela kwakhona ngomhla wamashumi amabini kwakule nyanga, nalapho azakuthi afake isicelo sebheyile.

Inkumanda yamapolisa aseGcuwa uBrigadiya Trevor Mey, uthi esi sesinye seziganeko ezothusayo ezokubulawa komntu wasetyhini. “Kumele kugxininiswe ukuba ukhuseleko lwabasetyhini nabantwana yeyona nto iphambili kumapolisa ephondo leMpuma Koloni. Amatyala alolu hlobo ngawona siwabeke phambili kwaye abenzi bobubi bazakujongana nengalo yomthetho,” utshilo uMey.

Kutshanje eGcuwa, kusandula ukufunyanwa kwentloko kaNandipha Mtuzula (19) wakuNgobozi eTholeni, emva kokuduka esiya esikolweni eCunningham kwinyanga kaCanzibe. Amapolisa aye abamba uAndisile Centane (30) ngezityholo zokubulala uMtuzula. Amalungu omzimba kaMtuzula akakaziwa nangoku ukuba aphi.