UDuduzile Zuma-Sambudla ebevele namhlanje kwiNkundla kaMantyi yaseThekwini apho ajongene nezityholo phantsi kokhuseleko lwedemokhrasi yomgaqo-siseko ngokuchasene nomthetho wezenzo zobunqolobi kunye nokuphembelela ukwenza udushe ngenyanga yeKhala ka2021.
UZuma-Sambudla ukhululwe ngesilumkiso waza lo mba wadluliselwa kwinkundla ephakamileyo kwaye uhlehliselwe umhla wamashumi amabini kweyoKwindla kulo nyaka.
Enkundleni, igqwetha lakhe uDali Mpofu ufunde ingxelo yakhe efungelweyo apho alikhanyelayo ityala esithi abukho ubungqina obumdibanisa nodushe olwenzeka kweyeKhala ngonyaka ka2021.
Ukwatyhole iGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) ngokutshutshisa ngeenjongo ezimbi, esithi usetyenziswa ngumbuso ngezizathu zopolitiko kuba kulwa uyise – nowayesakuba nguMongameli weANC noMzantsi Afrika, uJacob Zuma.
“Ndikwanoluvo olungagungqiyo lokuba izityholo zinobugwenxa kwaye zineempembelelo zezopolitiko. Lo rhulumente ukhoyo ngoku ujolise ekulweni imiba yezopolitiko notata. Ubungqina kulo mba buya kuboniswa ngexesha lokuchotshelwa kwetyala.”
Ngengxelo yakhe efungelweyo, ukwathe uzokwazi ukuhlawula imali engangeR3000 yebheyile. “Oku kuhambelana nemali esele ihlawulwe ngabantu abatyholwa ngetyala elifanayo,” utshilo ngegqwetha lakhe.
Umtshutshisi wombuso, uYuri Gangai, ufunde ingxelo efungelweyo eyenziwe ligosa eliphanda ngalo mba wodushe.
Kwingxelo efungelweyo, eli gosa lithe intombi kaZuma yabhala izinto ezininzi kumakhasi onxibelelwano ebongoza ukuba akhululwe uZuma. Eli gosa likwathe banobungqina obaneleyo obumdibanisa nezityholo ajongene nazo.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro