UDuduzile Zuma-Sambudla uza kuvela enkundleni ngenxa yodushe lwango2021

UDuduzile Zuma-Sambudla olilungu loMkhonto weSizwe Party ePalamente. Umfanekiso: Parliament

Intombi yowayesakuba nguMongameli uJacob Zuma, uDuduzile Zuma-Sambudla, uza kuvela phambi kwenkundla yaseThekwini ngoLwesine ngezityholo zokubandakanyeka kudushe lwenyanga yeKhala ngo2021 olwenzeka KwaZulu-Natal naseGauteng emva kokubanjwa kukaZuma.

Kwaqhambuka udushe KwaZulu-Natal naseGauteng ngo2021 xa uZuma wagwetywa iinyanga ezilishumi elinesihlanu entolongweni emva kokufunyaniswa enetyala lokudelela inkundla emva kokuba etyeshele umyalelo weNkundla yoMgaqosiseko wokuba avele phambi kweKomishini yokuphanda ukubanjwa ngobhongwana kombuso (State Capture).

UDuduzile ebethetha phandle ngenkxaso yakhe kuyise ngethuba evalelwe, kwaye watyholwa ngokuphembelela udushe ngexesha loqhanqalazo ngezinto awayezibhala kumakhasi onxibelelwano ngelo xesha. Kutyholwa ukuba wayengomnye wabaphembeleli bodushe olwakhokelela ekuphangweni kwamashishini kunye nobundlobongela – ngabantu abangaphezu kwama300 ababhubhileyo kwaye amawaka abantu abanjwa.

Umbutho kaZuma uMkhonto weSizwe Party ubhengeze kwikhasi lonxibelelwano ukuba uDuduzile uza kuvela phambi kwenkundla kamantyi yaseThekwini ngoLwesine ngentsimbi yethoba ekuseni. Lo mbutho ubongoze amalungu awo ukuba aphume ngobuninzi bawo ukuxhasa uDuduzile.