Udutyulwe emgidini wabhubha

Yindoda enamashumi amane ananye ubudala (41) yakuMendu kuGatyana ejongene netyala lokubulala kwanokufunyanwa inompu ongekho mthethweni emva kokuba idubule umfana onamashumi amabini anesithathu (23) emgidini kula lali.

Oku kwenzeke ngempelaveki esisuka kuyo.

Isithethi samapolisa aseGcuwa neendawo ezingqongileyo uKapteni Jackson Manatha uthi, le ndoda ibigxotha amakhwenkwe kulo mgidi ehamba nomfi, nanjengoko besele lithambekile ilanga.

“Ngelizama ukuboyikisa, le ndoda idubule izihlandlo eziliqela phezulu. Ngelishwa le ndoda ichane umfi ogama lingu-Athi Ntwalana othe wabhubha ngoko nangoko,” kutsho uManatha.

Amapolisa aye axelelwa ngesi sehlo abe sele ebamba umrhanelwa amfumene enompu (9mm norinco) lowo ebedubula ngawo wabe ungenazimpepha mvume.

Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele ngale ntsasa phambi kweenkundla zamatyala kuGatyana.

abongile.ginya@inl.co.za