Indoda eneminyaka ekumashumi amane anesine idutyulwe kumhlaba ongezantsi ngethuba ibizama ukuphanga imali kwindoda ehamba ngesitulo esinamavili (Wheelchair) eVincent eMonti ngale njingakanga.
Ozibonele ngawenyama, uthi amadoda amabini ebezama ukuphanga imali kulo tata kumatshini wokukhupha imali eBalfour Park, eVincent:
“Bathe besabaleka njalo, abahlali bahlaba umkhosi wabanjwa omnye wabo. Ekumbambeni uye wasiwa kulo tata uhamba ngeWheelchair. Lo tata uvele wanomsindo wakhupha umpu wakhe wadubula lo nqevu apha kumhlaba ongezantsi.”
“Emva kokuba edutyulwe, lo nqevu uvele waneempawu zokuphelelwa ngamandla ebambelele edongeni, emana ukuqwanya kubonakala ukuba uphethwe mbengwana ziintlungu,” utshilo, oziboneleyo.
Amapolisa aye afika, kwathathwa unqevu wasiwa esibhedlele logama utata okwisitulo esihamba ngamavili ebesancwinwa ngemibuzo malunga nesizekabani sesi sehlo.
Amapolisa aye afumanisa ukuba abanqevu bebehamba ngemoto yohlobo lweSedan (Polo Vivo) ekubonakala ukuba yeyemizi ebolekisa ngeemoto.
Isithethi samapolisa uKapteni Nkosikho Mzuku uthi le ndoda idutyuliweyo izakuvela kwinkundla kamantyi waseMonti kungekudala ngetyala lokuphanga. UMzuku uthi amapolisa ayaqhuba nophando kwaye akakabanjwanga utata okwiWheelchair, odubule lo nqevu.
Halala, utshatile uMama Joy!