Udutyulwe wabhubha elele neqabane

KUDUTYULWE kwabhubha inina elinama32 eminyaka ubudala eCradock.

Ngokwengxelo yamapolisa, lo wasetyhini ebelele neqabane lakhe ngethuba kugaleleka imvula yeembumbulu egumbini bebelele kulo kwisitalato iVabaza, esikwilokishi yaseLingelihle ngeCawa.

“Indoda yakhe kuvakala ukuba iye yaphuma phandle iyokukroba ukuba kwenzeka ntoni, umrhanelwa wabe engena ngaphakathi edubula lo wasetyhini. Kubizwe amapolisa afika lo wasetyhini sele ebhubhile. Kuvulwe ityala lokubulala kwaye akukabanjwa mntu ngesi senzo,” kubika uKapteni Namhla Mdleleni wamapolisa, okwacele uluntu ukuba luncedise ekubanjweni komrhanelwa.

Onolwazi ngesi senzo angatsalela uMcuphi onguSajini Eyssen kwa: 048 881700 okanye kuCrime Stop kwa: 08600 10111

Ukanti kwesinye isiganeko, ugqogqa oqhutywe ngamapolisa neqoqo lamapolisa okuhlala ngempelaveki kwilokishi yaseZibeleni kuKomani lukhokelele ekubhaqweni kwezixhobo ezinobungozi ezikwi136.

Zonke ezi zixhobo ziye zagcinwa khuselekileyo kwisikhululo samapolisa.

Ezi zinzame zamapolisa zokulwa nolwaphulomthetho.

OnguMkomishinala weSithili oBambeleyo, uZuziwe Magqashela uncome iinzame zoluntu lokuhlala nanjengoko zisindise impilo yoluntu.