Udutyulwe wabhubha umnini ndawo yentselo eGqeberha

Amapolisa aseGqeberha aphanda ityala lokubulala nelokuzama ukubulala, kulandela ukudutyulwa kubhubhe indoda, ze owasetyhini nenye indoda bafunyanywa benamanxeba okudutyulwa, KwaZakhele ngoLwesihlanu.

Ingxelo ithi ngokuhlwa ngoLwesihlanu, kwiveki ephelileyo, amapolisa aKwaZakhele ebejikeleza athe aqwalasela isithuthi sohlobo lweQuantum inemingxunya yeembumbulu kwikona yesitalato iDaku neSalamntu. Athe amapolisa akumisa, ze afumana indoda ebhubhileyo, inamanxeba okudutyulwa kwicala lomqhubi.

Ingxelo iqhuba ithi, kukwafunyenwe owasetyhini obelele ecaleni kwale moto, naye enamanxeba okudutyulwa, kunye nenye indoda nayo ebinamanxeba okudutyulwa. Bobanini aba baleqiswe esibhedlele ukuze bafumane unyango olukhawulezileyo. Ukanti ayikho ingxelo athe ayifumana amapolisa ngesi sehlo.

Lowo ufunyenwe ebhubhile waziswe njengoPhilasande “Coke” Jakavula, oneminyaka engamashumi amahlanu anesithathu (53), waseBluewater Bay.

Unobangela wesi sehlo awukaziwa, kwaye nabarhanelwa basakhangelwa, nanjengoko uphando lusaqhuba.

Kucelwa nabani na onokuba nolwazi okanye neenkcukacha ezinxulumene nesi senzo ukuba aqhagamshelane noCaptain Monde Sithole ku-082 457 2812, okanye atsalele umnxeba iCrime Stop ku-08600 10111. Ukanti angatyelela isikhululo samapolisa akufutshane okanye athumele iinkcukacha kuMySAPS App.