Kudutyulwe kwabulawa owaziwayo kwezepolitiki kwikhaya lakhe ngokuhlwa kwangoMvulo kule veki, eSidikidikini, eLubacweni, KwaBhaca.
AmaPolisa akhangela umkhondo wabarhanelwa abathathu nekusolwa ukuba babandakanyeka kwesi senzo sokubulala lo sopolitiki.
Ingxelo yamaPolisa ekhutshwe kuWarrant Officer Majola Nkohli, ithi, ngokuhlwa kwangoMvulo, kumbonzeleke amadoda amabini exhobe ngemipu kwikhaya lalo sopolitiki.
Kusolwa ngelithi mathathu amaxhoba athe akhonjwa ngompu, abotshwa ngentambo, nalapho ethe athathelwa iimfonomfono zawo. Siye songezeleleka isibini sabarhanelwa ngomnye umrhanelwa ngethuba sivalele amaxhoba endlini, nto leyo yenyuse inani labarhanelwa ukuya kwisithathu.
Ingxelo iqhuba ithi, kuthe kamva umnini mzi, uMncedisi Gijana (58), obengekho kwikhaya lakhe ngethuba kugaleleka abarhanelwa uye wafika. Lo kaGijana udibene neembila zithutha ukugaleleka kwakhe emzini wakhe, nalapho abarhanelwa bonde ngaye.
Akwaziwa ukuba kwenzeke ntoni ngaphandle kwendlu, koko kuvakele izithonga zompu. Emva kwexesha, amaxhoba akwazile ukuzikhulula, nalapho ethe afumana lo kaGijana sele ephulukene nobomi bakhe kwenye yezindlu engaphandle.
Kufunyaniswe mva ukuba abarhanelwa bakwaphange amakhadi ebhanki, izitshixo zendlu, kwanemoto yosapho, nethe yafunyanwa kamva ishiywe kumgama ongekho kude ukusuka kwindawo yexhwayelo.
UMkomishinala wamaPolisa kwiPhondo, uLt General Nomthetheleli Mene usikhalimele esi sehlo, watsho ekhupha iqela lamapolisa ephondo ukuba alandele umkhondo ukuze kubanjwe abarhanelwa.
“Ezi zenzo zimasikizi azinyamezeleki, kwaye zithoba iinzame zethu zokuzama ukuphelisa ulwaphulo-mthetho nobundlobongela ephondweni. Kwesi siganeko, sibekele bucala iqela labaphandi abanamava, abangazuphumla, de abenzi bobu bubi bavalelwe”, utshilo uLt Gen Mene.
Amapolisa acela nabani na onokuba neenkcukacha ezonokuwanceda kuphando lweli tyala ukuba baqhakamshelane neqela labaphandi kule nombolo: 071 475 2292. Ukanti ukwanakho ukwabelana neenkcukacha onazo kwinombolo yeCrime Stop: 08600 10111.
Abarhanelwa abakafumaneki ukuza kuthi ga ngoku, ukanti kuvulwe ityala lokubulala, kuquka namanye amatyala ongezelelweyo afana nokuqhekeza.
Izimvo zabafundi ngokuyalwa komtshakazi