Emva kweenyanga ezilishumi umbane usebenza ngaphandle kukacimicimi, uEskom ubhengeze namhlanje ukuba kunokwenzeka ukuba uMzantsi Afrika ungazibona usemnyameni ngenxa yeengxaki abathe bazifumana kwezi ntsuku zisixhenxe zidlulileyo.
Ukungabikho kokucima kombane elizweni ixesha elide kangaka sisiphumo sezicwangciso zikaRhulumente noEskom, esinye sezizathu eziphambili sisicwangciso iGeneration Operational Recovery Plan nenconywe ngefuthe layo.
“Le yingxaki nje yethutyana. Ukucinywa kombane yinto esiyishiye ngasemva ngenxa yophuculo lwezakhiwo zezixhobo zethu.
“Nangona kunjalo, kwezi ntsuku zisixhenxe zidlulileyo, siye sahlangabezana neengxaki ezininzi ezifuna ukwandiswa kwexesha ukuze zilungiswe,” utshilo uMlawuli oyiNtloko wakwaEskom, uDan Marokane.
UEskom ukwathe inqanaba lesine (Stage 4) lokucinywa kombane lingaphunyezwa ngempelaveki.
UEskom wenze isicelo sokuba umbane unyuke nge36% nesiye sakhatywa. Endaweni yoko, umlawuli wamandla kuzwelonke, iNersa, ivume ukonyuka kombane nge12.7% ukusuka ngomhla wokuqala kuTshazimpuzi 2025.
INersa ikwaphumeze ukonyuswa kombane nge5.36% okuza kuphunyezwa ngonyaka ka2026 kunye ne6.19% ngo2027.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika iza kufika ngoLwesine