Ufezekile umnqweno kaKanyisa ku2016

XA kuqala unyaka, iminqweno yabantu abaninizi ingakumbi ulutsha, iba- kukuzilolonga okanye ukutya okunezakha-mzimba zokwenza ubani abukeleke emhle ebantwini.

Akunjalo kuKanyisa Daweti (25) wasePort Alfred. Le ntwazana sele iwufezekisile umnqweno wayo kunyaka ka2016, nanjengoko sele isipeyintile isikolo, iSinoyolo Day Care Centre esePort Alfred.

“Sibulela ngokungazenzisiyo kuKanyisa ngalo msebenzi mhle asenzele wona siyiSinoyolo,” utshilo uNande Ngogela nongomnye wootitshala eSinoyolo.

Ethetha olu hlobo nje kulandela ukuba sethamsanqeni lokupeyintelwa iSinoyolo Day Care Centre nguKanyisa Daweti oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) ubudala nonguceba kumasipala waseNdlambe.

Ebuzwa uDaweti, ukuba kutheni ekhethe iSinoyolo, uphendule wathi: “Ndibesentlahleni yokusebenza kufutshane nabanye bootitshala balapha ndabona indlela abazimisele ngayo nabazizamela ngayo izinto nanjengoko bekwazi ukuphuma bacele uncedo ebantwini.”

Watsho esithi yilo nto emenze wanceda kwaye uyathanda ukunceda indawo ahlala kuyo nanjengoko ingumnqweno wakhe ukuyibona iqhubela phambili.

Lo kaDaweti usebenzise imali yakhe ukuthenga ipeyinti nalapho avakalise ukuba akaqali ukunceda apha nanjengoko kunyaka ophelileyo encede ngezinto zokudlala abantwana.

ISinoyolo Day Care Centre ivulwe ngonyaka ka1997 kwaye inabantwana abangamashumi amathathu anesixhenxe (37) nalapho kuvakele ukuba bajonge ukuba elo nani lonyuke xa kuphela inyanga kaJanuwari.

isibhalo@inl.co.za