UFezz Junior ucela iivoti

UFezz Junior ucela iivoti

Ityunjwe kumawonga e011 imvumi yomculo weAfro Soul neyinzalelwane yaseMthatha eMpuma Koloni uFezz Junior.

Uqale ngocula kwiikwayala zezitibili eneminyaka elishumi elinesithathu. Ngomnyaka ka2010 wazimanya nekwayala yegospile kwicawe akhonza kuyo iRUCC Ministries eMthatha.

Ngo 2014 wathatha isigqibo sokuba ajongane nobizo lwakhe lomculo ngokupheleleyo. Ngo 2015 nekulapho athe wafumana elona thuba lamvulela amasango xeshikweni engenele ukhuphiswano lwetrufm, iTruTalent Search, waze waphumelela kwindawo yokuqala. UFezz Junior kulapho wathi wakhupha khona ingoma ethi “Imizamo”.

Ngoncedo lwe-Eastern Cape Provincial Arts and Culture Council ( ECPACC) ukwazile ukukhupha ingoma yakhe entsha kraca ethi “Nomalanga”. Le ngoma yashiya uncumo kuZozibini Tunzi nongu Miss Universe ngexesha uFezz Junior eyicula kumsitho obubanjwe kwibala lebhola eMthatha ekuqaleni kwale nyanga xa ebesamkelwa uMiss Universe esuka eNew York.

Sithetha nje uFezz Junior ulungiselela ukuphaka icwecwe elipheleleyo .

“Akuyonto elula ukungena emculweni kodwa ngemithandazo, ukholo nokuzimisela konke kuyenzeka”. Uqhube wathi kwiingoma ezingapha kwekhulu ebenzingenele ukhuphiswano kumawonga e011 iijaji zityumbe ingoma yakhe ethi “Nomalanga” kwezilishumi emazivotelwe, kwaye nguye kuphela osuka eMpuma Koloni kolu luhlu.

Ukuvotela uFezz Junior kuthunyelwa umqhafazo othi 011 FEZZ JUNIOR ku 35029