Ufikelwe sisifo sokuwa kwecala eselwandle

Iqela lohlangulo lweNational Sea Rescue Institute

Indoda yaseBhayi eneminyaka engamashumi amane anesithandathu isephantsi kweliso loogqirha esibhedlele emva kokufikelwa sisifo sokuwa kwecala (Stroke) ngethuba ikulwandle lwase-St Francis Bay kumasipala waseKouga kule veki.

USarah Smith, inkumanda yeQumrhu lezoHlangulo eLwandle (National Sea Rescue Institute) e-St Francis Bay uthi bafumene umnxeba othi mabaye kwisikhephe sokuloba esibizwa njengeSanto Mersck kwizibukwana lase-St Francis Bay.

“Ukufika kwethu sibone le ndoda inempawu zokufa kwecala ze sahlaba umkhosi kwiqela lethu lezonyango, apho sithe sayithatha le ndoda sayikhuphela ngaphandle,” kutsho uSmith.

USmith uthi yakuba ifikile kwizibukwana lase-St Francis Bay, le ndoda iye yathathwa yi-ambulensi yasiwa esibhedlele.

Noxa nje lingadizwanga igama lale ndoda, kodwa uSmith uqinisekisile ukuba ngumlobi waseBhayi.

Kusenjalo, kwakule veki, uSmith uthi bafumene umnxeba malunga nendoda ebisokola ukuqubha ngesixhobo sayo (jet-ski) enzonzobileni yolwandle lwase-St Francis Bay.

“Sifike ngesikhephe sethu sohlangulo, sayitsala le ndoda sayokuyibeka kwizibukwana lase-St Francis Bay, apho siye safumanisa ukuba akukho monzakalo ngakuyo,” utshilo uSmith.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za