Ufikile eDutywa emva kokuhamba ngeenyawo i800km

IINTSUKU ezivisayo ehamba ngeenyawo max’ awambi kwiindawo ezoyikekayo nasemaqhineni, kodwa ngoku ulugqibile uhambo lwakhe lweentsuku ezingamashumi amabini ukusuka eWits eRhawutini ukuya eDutywa.

Emva kokufulathela iWits ngomhla wamashumi amathathu kuCanzibe, uThami Manganya (26) uthabathe uhambo lweekhilomitha ezingamakhulu asibhozo (800km) apho injongo ikukurhwebesha ingxowamali yokunceda ulutsha lwasemaphandleni eMpuma Koloni ngezixhobo zezemidlalo nezemfundo.

NgoLwesithathu kule veki, uManganya ubhale kuTwitter wakhe esithi: “Ndikhumbula kwiveki phambi kokuba ndiqale olu hambo, ndaqala ngokuqhwalela. Ndandicinga ukuba ndiza kuphula kodwa zange. Kodwa zange ndivumele ukuqhwalela okungephi edolweni ukuba kundinqande. Ngoku ndikufutshane ezintanjeni.”

UManganya, wakuGamgam eDutywa nophumelele isidanga kwizifundo zoBudlelwane kwezeHlabathi kwakunye nezeeNdaba (International Relations and Media Studies) eWits kunyaka ophelileyo, ujolise ekurhwebesheni imali ekwi-R1.28 million ukunceda abafundi basemaphandleni kweli phondo.

Thami Manganya UMFANEKISO: TWITTER

Iinjongo zakhe kolu hambo, ngokwezemfundo, kukunyusa ingxowamali yokuthengela iikhompyutha ezingamashumi amahlanu izikolo ezilishumi zaseMpuma Koloni ukuze abafundi basemaphandleni babenolwazi kwezobuchwepheshe. Ukwajolise ekuthengeni iikhalityuleyitha ezingama500, oobhaka abangama500, iipere zezihlangu ezingama250, iiphedzi (sanitary pads) kumantombazana aliwaka (1 000), iDatha kwanemali yokufaka isicelo seyunivesithi kubafundi bakaGrade 12 abangama500.

Ngokwezemidlalo, uManganya ufuna ukurhwebesha iR200 000 yokuncedisa kwizixhobo zebhola ekhatywayo, umnyazi, iqakamba, umbhoxo namanqindi ukunciphisa ukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi.

“Ukuqukwa kwezixhobo zokulolongela amanqindi (boxing gym), asiyonto yezemidlalo nje, kodwa yindlela (yokufundisa) ukuzikhusela. Amakhosikazi nabantwana, ngabona bantu bangamaxhoba odushe olujoliswe kwisini noxhatshazo. Ngokwale ndawo yokuzilolongela amanqindi, baza kuqeqeshelwa ukuzikhusela xa ubomi babo buphantsi kwesigrogriso,” utshilo uManganya kwimbalelwano.

Ebalisela I’solezwe lesiXhosa uManganya uthi emva kokujonga imeko abajongene nayo abafundi basezilalini, uhleli phantsi wacinga icebo. “Ndibone ukuba yintoni endingathi ndiyenze ukwenza umahluko, ndagqiba ngokuthabatha olu hambo,” utshilo uManganya.

Kodwa uManganya uthi uyayicela nangakumbi inkxaso ngokwezimali kolu hambo. AmaSamariya alungileyo angaphosa esivivaneni kweli phulo likaMangwanya ngokusebenzisa le akhawunti (Capitec) 1518703346. Inombolo yakhe ithi 063 368 1964.