Ufikile umabonakude eNgqeleni

Usekela-Mphathiswa uStella Ndabeni-Abrahams eKhonjwayo Traditional Council eNgqeleni Umfanekiso: Vuyani Sibene, GCIS

Usekela-Mphathiswa wezoNxibelelwano uNksk.Stella Ndabeni- Abrahams, uye wayokuhlola ubume bokulunga kwepali entsha ethubelezisa amandla osasazo kwidolophu yaseNgqeleni.

Oku kuza emva kokuba inkampani ethubelezisa amandla amaza omoya (SENTECH) emilisele ipali entsha yokunkinkisha usasazo kula dolophu, nto leyo ezakuvumela ibhunga lenqila yakwaKhonjwayo neziphaluka ukuba bafumane usasazo lukanomathotholo nomabonakude olucwengileyo okokuqala ebomini babo.

Le ndawo ibingenalo nonxibelelwano lomnxeba ophathwayo, umabonakude kunye nonomathotholo.

Oomabonakude bebenemifanekiso engacacanga nto leyo bivimba uluntu lwala ndawo ukufumana ulwazi.

Njengendlela yokuvavanya ukusebenza kwale pali (DTT Transmitter), amakhaya amahlanu aye anxityelelaniswa nebhokisi entsha yohlobo lweDTT Decoder, nevumela ukuthubeleza kwezikhululo ezilishumi elinesithandathu zikamabonakude kunye noonomathotholo kwanokuphucuka kwemifanekiso.

Okona kuye kwaqaqamba ngolu suku kukunikezelwa kwe-DTT Connectivity Package kubaxhamli.

“Mna ndingomnye wabantu abafumene unxibelelwano lokuba umabonakude wam abonakalise zonke izikhululo,” kutsho uNomalungiselelo Qhuba, nongomnye wabaxhamle fele-fele.

USentech ukwavumele uVodacom ukuba akrobe kule pali ukuze kusonjululwe unxibelelwano lweemfono-mfono eziphathwayo kwilali yaseMfundweni neziphaluka.

“Namhlanje sininike ithuba lokwazana nelizwe eliningqongileyo, nifumane ulwazi, ukuxhotyiswa ngolwazi nezakhono,” utshilo uSekela-Mphathiswa uNdabeni-Abrahams, ethetha namawaka amabini abantu ebebezimasile.

Ukwenziwa kwale pali, kudale izithuba ezikumashumi amahlanu zengqesho kubantu bale ndawo.

USekela – Mphathiswa ukwathembise ngoqhagamshelwano olukhawulezileyo kwisikolo sakuNogemane nakuQhokama. Ukwacele namagama amahlanu wabafundi abazakusiwa ngurhulumente kuqeqesho lokuvelisa imiboniso kamabonakude.