UFloyd Shivambu uxelele abalandeli beMK Party ukuba waqala iEFF eyedwa

UFloyd Shivambu ubanga ngelithi waqala iEFF eyedwa. Umfanekiso: MK Party

Ingxabano phakathi kukaFloyd Shivambu noJulius Malema kulindeleke ukuba iqatsele emva kokuba owayesakuba nguSekela Mongameli we-Economic Freedom Fighters (EFF) kutshanje exelele inginginya yabalandeli boMkhonto weSizwe Party (MK Party) ukuba nguye owaqala lo mbutho, hayi uMalema.

UShivambu wothuse iEFF kunye noMalema xa wayeshiya umbutho awawusungula ngokubambisana ukuze azibandakanye neMK Party kweyeThupha. UShivambu waqeshwa njengomququzeleli kazwelonke, kodwa uye wanyulwa njengoNobhala Jikelele.

Ethetha ngexesha lesidlo sasemini seKrisimesi kunye nabantu abadala kwilali yaseMahonisi kwingingqi yaseCollins Chabene eLimpopo, uShivambu uthe nguye owaqamba iEFF, kuquka igama, imibala yalo mbutho, kunye nendawo yekomkhulu lombutho eMarshalltown, eGoli.

Utyelelo lwakhe kule ndawo lwalujoliswe ekuzameni ukutsala abavoti ukuba baxhase umbutho wowayesakuba nguMongameli uJacob Zuma iMK Party.

Oku nanjengoko umbutho weMK Party unenkxaso enkulu yabalandeli abathetha isiZulu, abaphuma KwaZulu-Natal.

UShivambu wayezama ukuchitha uluvo lokuba lo mbutho ngowesizwe samaZulu ukuze kutsalwe abantu abathetha isiTsonga eLimpopo.

Nangona kunjalo, iLimpopo liphondo ekudala livotela umbutho weAfrican National Congress (ANC) nanjengoko inabalandeli namalungu amaninzi kwizithili ezahlukeneyo.

UShivambu uye waphelekwa yimvumi yedisco eyajika yaba ngusopolitiki uPapa Penny, ogama lakhe lokwenyani nguEric Nkovani ukuze ancede ukutsala abavoti kule ngingqi.

Ngethuba esenza intetho yakhe kwividiyo esasazwe kumakhasi onxibelelwano, uShivambu uxelele abantu abadala ukuba waseka iEFF emva kokuba egxothiwe kwiAfrican National Congress Youth League (ANCYL) njengesithethi ngo2011, ekunye noMalema, nowayesakuba nguMongameli weANCYL.

“Emva kweminyaka emihlanu ndiseLuthuli House, ndasungula umbutho obizwa ngokuba yiEconomic Freedom Fighters ndedwa,” utshilo uShivambu.

Uqhube wathi: “Ndaseka iEFF ndindodwa baza abanye bazimanya emva koko, kuquka nalo uyikhokelayo ngoku (ebhekisa kuMalema).

UShivambu ukwabanga ukuba nguye ungqondongqondo wesazisi seqela, kubandakanya nemigaqo-nkqubo yalo, uphawu kunye nesigqibo sokuba ikomkhulu lombutho lifanele libe phi.

“Ndim owaqala lo mbutho (EFF). Ndiwunike igama, uphawu, ndachaza ukuba lo mbutho uza kusebenzisa imibala enjani kwaye ikomkhulu lombutho liza kuba phi,” utshilo.

“Uya kwazi ukuba ishumi leminyaka ndinguSekela Mongameli we-Economic Freedom Fighters,” woleke ngelitshoyo uShivambu.

Ayikokokuqala uShivambu exoxa ngendima yakhe ekusekeni iEFF.

Ngenyanga yeDwarha kulo nyaka, udize kudliwanondlebe noSizwe Mpofu-Welsh kwipodcast yakhe ebizwa ngokuba yiSMWX, nalapho athe wabalaselisa indima yakhe enkulu ekusekweni kwalo mbutho.

UShivambu kukholelwa ukuba wayilahla iEFF ngenxa yeengxabano zangaphakathi malunga nokungaqhubi kakuhle kombutho kunyulo lukazwelonke lwangomhla wama29 kuCanzibe kunye nesimbo sobunkokeli sikaMalema ‘njengozwilakhe.’

Eli bali liqale lavela kwi-IOL.