UFloyd Shivambu wonyulwe njengomququzeleli kazwelonke weMK Party

I-MK Party ibhengeze utshintsho abalwenzileyo kumbutho wabo kwindibano noonondaba eSandton, eGoli ngoLwesine. Umfanekiso: MK Party

Umbutho kaJacob Zuma uMkhonto weSizwe (MK) wonyule owayesakuba nguSekela Mongameli we-Economic Freedom Fighters (EFF), uFloyd Shivambu, njengomququzeleli wawo kazwelonke.

UShivambu uye warhoxa kwiEFF kwiveki ephelileyo nangona engomnye wamalungu aseka lo mbutho ngo2013 ekunye noJulius Malema.

UNobhala Jikelele weqela leMK Party, uGqirha Sifiso Maseko, wenze esi sibhengezo kwindibano noonondaba eSandton ngoLwesine.

UMaseko uthe iMK Party iza kukhokelwa ngumkhosi ophezulu kazwelonke, oya kuba lelona qela lithatha izigqibo eliquka amagosa asibhozo. Iza kubandakanya amalungu angama45 ongezelelweyo.

UMaseko uthe umsebenzi omtsha kaShivambu uquka ukwakha amasebe kunye nemimandla kuzwelonke, ukongamela uphando kunye nophuhliso lomgaqo-nkqubo, kunye nokutyumba amalungu ombutho weMK kwipalamente nakwizindlu zowiso-mthetho zamaphondo.

“Amalungu azakuba yinxalenye yomkhosi ophezulu nguMongameli Jacob Zuma, uSekela Mongameli uGqirha John Hlophe, uNobhala Jikelele uGqirha Sifiso Maseko. USekela Nobhala Jikelele nguNombuso Mkhize kwaye umququzeleli kazwelonke nguFloyd Shivambu.

“USihlalo kazwelonke nguNkosinathi Nhleko. USekela Sihlalo kazwelonke nguWilson Sebiloane. UNondyebo Jikelele wethu nguMenzi Ngubane,” utshilo uMaseko.

UMaseko wongeze ngelithi uShivambu ukwanoxanduva lokumela iMK Party kwigqiza lekomishini yolonyulo yombutho ekunye noNobhala Jikelele.

UShivambu uthe ibiyintando yakhe ukuzibandakanya nalo mbutho, iinjongo zakhe kukudibanisa abona bantu babalaseleyo abanokulawula kwaye babonise ukuba umbutho unamandla okuqhuba amaziko antsonkothileyo namakhulu.

UShivambu ukwasebenzise eli thuba ukuhlaba ikhwelo kumanyano lwemibutho enenkqubela enenjongo enye yokususa urhulumente wendibanisela kazwelonke phantsi kolawulo lweANC esebenzisana neDA neminye imibutho.

“Le nto yemibutho emincinci yezopolitiko yoMzantsi Afrika engakwaziyo ukusebenza ngempumelelo ayililungelanga ikamva labantu abamnyama eMzantsi Afrika,” utshilo uShivambu.