AMAPOLISA aseMonti, afumene umzimba osele wonakele, nekukholeleka ukuba ngowentwazana elahleke eScenery Park eMonti uBongiwe Madondo kwiveki ephelileyo.
Lo mzimba ufunyenwe kwihlathi elikwindawo yaseHeaven Hills eAmalinda, ngabahlali baseScenery Park, ebencedisa amapolisa kwiphulo lokukhangela le ntwazana yakwaMadondo.
UMadondo (23) obizwa ngokuba nguMabongi zitshomi zakhe, yinzalelwane yaseAdams eThekwini. Unyamalele kwindawo yolonwabo eseScenery Park, ekuzeni-kusa ngocawe umhla wamashumi amabini anesihlanu kwinyanga ephelileyo.
Iitshomi zakhe zimgqibele ehamba nomfo owaziwayo ngokuba nguMakhandlela, zathi xa zimkhwaza kwaphendula uMakhandlela esithi bayebuya.
Kuqengqeleke iiyure bemkile, kwakho inkxalabo kwiitshomi zikaMadondo, ngakumbi xa kubuya uMakhandlela enxibe umntla wetracksuit kaMabongi. Emva kokuphekwa esophulwa ngembibuzo uMakhandlela enganiki mkhobo ngoMabongi, babe nomsindo abahlali bambetha.
Ngelo thuba baye bakumkhulula impahla bafika enxibe iiLeggings zikaMabongi ngaphantsi kwebhulukhwe. Lo nto ikhokelele ekubeni bathathele umthetho ezandleni zabo, bambetha de wabhubha uMakhandlela.
Isithethi samapolisa ajongene nala mmandla eMonti uWarrant Officer Hazel Mqala uthi abahlali bakholelwa ukuba lo mzimba ngokaMadondo, nangona ufunyenwe sewonakele, amapolisa engekakuqinisekisi oku.
“Asikaqiniseki ukuba ngokwenene ngokaMabongi kuba ufumaneke sele wonakele,” utshilo uMqala. UMqala uthi, abahlali babone umthi olelelyo xa besondela kuwo babe sele bebona umzimba.
Ukanti umama kaMabongi uSindisiwe Madondo uthi uziva ekhuleke emphefumlweni nasenyameni kuba esithi sukela oko kwathi kwenzeka oku ebebambekile. Uthi nangona kungekabikho siqinisekiso sokuba nguye, uqinisekile kwaye uziva ekhululekile.
Ukwathe basathetha ngamalungiselelo belusapho.
UMabongi ushiya ngasemva abantwana ababini oneminyaka emithathu logama omnye enonyaka onesiqingatha ezelwe.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo