Ufumene inkxaso engagungqiyo kulutsha lweANC uMotsoeneng

UHlaudi Motsoeneng ufumene inkxaso kulutsha lweANC olufuna ukuba ahlale eligosa eliyintloko kwaSABC

UFUMENE inkxaso
engagungqiyo kulutsha lweANC uHlaudi Motsoeneng. Oku kulandela indibano
ebibanjwe yiANCYL ukususela nge-22 ukuya kwi-24 kule nyanga yoMsintsi. Ulutsha lweANC lithi, nangona inkundla yezibheno isikhabile isicelo sikaMotsoeneng sokubhena
isigwebo senkundla ephakamileyo eNtsona Koloni, makaphinde afake isicelo xa kufunwa umntu wokuvala esi sikhundla. 

Inkundla yezibheno yalile ukumamela isicelo sikaMotsoeneng emva kwesigwebo senkundla ephakamileyo eNtsona Koloni eyagweba ngelithi
ukuqeshwa kwakhe njengegosa eliyintloko kwaSABC akukho mthethweni. UMotsoeneng waqeshwa ngokusisingxina ngumphathiswa wezonxibelelwano kweli uFaith
Muthambi emva kwminyaka elibambela. 

UMuthambi wakwenza oku nangona
uMkhuseli Woluntu uThuli Madonsela wakhupha ingxelo ethi uMotsoeneng akakufanele
ukwenza lo msebenzi emva kokufumanisa ukuba waxoka ngethuba efaka isicelo
somsebenzi kwaSABC wathi waliphumelela ibanga leshumi, noxa kungekho njalo.

Usekela nondyebo
wolutsha lweANC uThandi Moraka uthe uMotsoeneng makafake isicelo sengqesho xa
iqalile inkqubo yokufakwa kwezicelo zengqesho yesi sikhundla.
 Ukanti isithethi salo
mbutho uMlondi Mkhize uthe, “Nokuba uHlaudi unengxaki yebanga leshumi angenalo
sifuna ukuba abe ligosa eliyintloko. Simemelela ibhodi yakwaSABC ukuba ithathe
isigqibo esisiso. Sebesithathile isigqibo esisiso, ngoku sifuna balandele
izicwangciso ezifanelekileyo.” 

Ukwathe ulutsha lizakubamba umngcelele
woqhankqalazo oya kwaSABC ukuba oku akwenzeki. 

Olu lutsha likhwele lizehlela
kumphathiswa wezemali uPravin Gordhan lisithi makazinikele kwingalo yomthetho,
ayeke ukubalekela kwabendaba ngelifuna inkxaso yoluntu. 
“Siyambongoza uGordhan
ukuba angazicingeli ukuba unguYesu Krestu, ahambe ezenza ngathi nguye kuphela
embuthweni
  olwa nolwaphulo mthetho,”
utshilo uMoroka.