Ufumene isibhaxu endaweni yemali

UPhumlani Mahlonti uthi wabethwa ngumsebenzi wakwaFidelity ngethuba eyokufuna imali yakhe

Ngethuba eyokufuna imali yakhe kwinkampani ebephangele kuyo iintsuku nje ezilishumi elinesine, uPhumlani zange ayazi ukuba uzibizela intonga.

Lo kaMahlonti, 32, nohlala kwindawo yaseGugulethu, uxelele I’solezwe ukuba ufumene umsebenzi kwinkampani yakwaFidelity ngeyoMqungu ze waqalisa ukuphangela kweyoMdumba.

“Ndothuka mhla ndifumana umnxeba ondiyalela ukuba ndikhawuleze ndifike kwiiofisi zale nkampani, ngenene ndathi xa ndifika ndaxelelwa ukuba umsebenzi uphelile ngenxa yetyala endinalo lokuqhuba ndiphantsi kweempembelelo zotywala,” utshilo uMahlonti.

Okumothusayo ke kukuba babemqeshe njani bengajonganga zonke izinto ekufanele bazijonge, kodwa ke zange eme ngaphambi kwenkampani kodwa waye wafuna imali yezi ntsuku aziphangeleyo.

“Emva nje kweentsuku ezimbalwa ndigxothiwe ndaye ndayokufuna imali yam kodwa endaweni yoko ndafumana intonga kuba ndabethwa ngunogada wala nkampani,” utshilo uMahlonti.

Uqhube wathi inye into ayifunayo kukubhatalwa imali yeentsuku aziphangeleyo.

“Andifuni nje ukuba ibhatale ezo ntsuku kuphela, kodwa ndifuna babhatale nokubethwa oku kwam ngabasebenzi babo kuba bekhusela bona, kwaye andizokuphumla de ndibe ndiyayifumana imali yam,” utsho.

I’solezwe lindwendwele iofisi yakwaFidelity nalapho lidibene noAdrie Siebert noyimanejala kwicandelo lakwaHR.

Ebuzwa ngokubethwa kukaMahlonti uthe ezo zizityholo ezingenabunyani kuba uMahlonti wafika wenza ingxolo kwaye wayenuka umphanda.

“Akukho msebenzi wethu owabetha uMahlonti kodwa nguye umntu owaxabana nomnye umfana owayezokufuna umsebenzi apha, nalapho wathi xa ekhupha imela uMahlonti lo mfana wachola into phantsi wambetha ngayo,” utshilo uSiebert.

Uqhube wathi noko bayinkampani enkulu kakhulu, ehloniphekileyo kwaye sokuze bangambhatali umsebenzi obasebenzeleyo.

“Asilwanga thina naye inye into esiyifunayo bubungqina bokuba ngenene wayeziphangele ezo ntsuku zilishumi elinesine athetha ngazo emva koko uza kufumana imali yakhe,” utshilo uSiebert.

Watsho esithi uMahlonti wamkelekile ukuza kubo afumane imali ekufuneka eyifumene xa sele kuqinisekisiwe ukuba ngenene wayephangele.

“Ukuba nifuna ukubona ikhamera eza kubonisa yonke le nto ndiyithethayo namkelekile, ndiyaphinda ndithi uMahlonti zange abethwe ngumsebenzi wethu koko nguye owayeqala umlo nomfana owayezokufuna umsebenzi,” utshilo uSiebert.