Ufumene isidanga seBPharm oneminyaka eyi47

Imfundo sisixhobo sobomi, kwaye yeyona nto ibalulekileyo kuWelekazi Kawe oneminyaka engamashumi amane anesixhenxe noyinzalelwane yaseDutywa.

Le nto uyibonakalise ngokuba ayokuqala izifundo zeBPharm (Bachelor of Pharmacy) sele ekhulile ngonyaka ka2012, kwiyunivesithi ezinze eBhayi i-NMMU.

UWelekazi nokhulele kusapho olwalutsala nzima uncoma indlela akhuliswe ngayo nguNozinzile Mkiva, njengeyonanto embeke kwindawo akuyo namhlanje.

Amabanga aphantsi uwenze kwisikolo samabanga phantsi iNqabane J.S.S. eDutywa. Uthi ngelixa ehlala kwaMkiva ufumene ithuba lokuba afunde kwisikolo esizinze eMthatha iSt Johns College, kulapho akubone khona ukukhanya okuze nemfundo.

“Usapho lakwaMkiva linabantu abafundileyo abazingcayo kakhulu ngemfundo, kwaye le nto ibisoloko iyinkuthazo kakhulu kum,” utsho uWelekazi.

Emva kokuba ephumelele ibanga leshumi e-St Johns uye wafumana isithuba sokuncedisa njengetitshalakazi, kodwa le eyibona njengendlela yokuqokelela imali ukuze afezekise amaphuhpha akhe okuya eyunivesithi.

“Ndandisoloko ndinomnqweno wokuba ngugqirha okanye ndifundele ukwenza amachiza kodwa zange ndiyifumane imali.”

Kuba lingazange liphumelele iphupha lakhe ngalo mzuzu waphela esenza izifundo zobongikazi. “Ndenze izifundo zediploma. Into eyandithatha iminyaka emine, ndandiwonwabele kakhulu umsebenzi wokuba ngumongikazi kwaye ndide ndaphela ndifumana isikhundla esiphezulu.

Ndaqwalasela ukuba kukho ingxaki yokunqaba kwabantu abanolwazi lwamachiza kwingingqi yaseDutywa.”

Ngonyaka ka2012, uWelekazi wathatha esona sigqibo sinzima ngekamva lakhe. Nalapho wagqiba ukuba ashiye umyeni wakhe, nabantwana ayokubhalisela izifundo zokuba ngumenzi wamachiza, iBPharm.

Ezi zifundo zithathe iminyaka emine kwaye uWelekazi uthi into ebimkhuthaza yinkxaso esuka kumyeni wakhe, nento yokuba wayengoyena mfundi mdala kwabo wayefunda nabo.

“Ndandizixelele ukuba andikwazi ukuba nditshone nonyaka omnye apha, esi sidanga kufuneka ndisigqibe kwiminyaka emine ndingahlali ngaphezulu kwayo.

Bekunzima kakhulu kodwa bendihlala ubusuku bonke ndingalali. Ndiye ndakwazi ukuphumelela kwixesha leminyaka emine.”

UWelekazi uthi imali yokubhatalela izifundo zakhe iphume epokothweni yomyeni wakhe ixesha elininzi, kude kwanyanzeleka enze imali mboleko ezibhankini kwamanye amatyeli.

Ngoku sele ephakathi nezifundo zakhe uWelekazi uthi isebe lezempilo ephondweni limnike inkxaso-mali engangamawaka angamashumi amabini anesihlanu.

Itheko lakhe lokubhiyozela ukuphumelela isidanga belibanjelwe kwilali yaseXeni eDutywa. Phakathi kwabantu abakhulu abazimase lo msitho bekukho uGqirha Bevan Goqwana, nongusihlalo wekomiti yezempilo.

UNkosi UXhanti Sigcawu wenze intetho naye emele indlu yobukhosi yakwaXhosa. ULusanda kunye noBetusile Mcinga bebesonwabisa iindwendwe ebezizimase lo mcimbi. UWelekazi uthi ngoku usebenza kwisibhedlele saseFrere nalapho asephantsi koqeqesho njengomenzi wamachiza.

Uthi emva kokuba egqibile unomnqweno wokuphinda abuyele eDutywa Health Centre kuba unomdla wokunceda abantu bengingqi yakhe.

chris.gilili@inl.co.za