Ufuna imbuyekezo kumlungu odubule iinkomo zakhe

UMFAMA welokishi yakwaNobuhle eTinarha uAthenkosi Booi, obulawelwe iinkomo ngumlungu wefama eseKruisirivier, uthi ufuna imbuyekezo ngokubulawa kweenkomo zakhe.

Iinkomo zikaBooi ezilishumi elinanye zidutyulwe ngumlungu wale fama emva kokufunyanwa kule fama engekudanga kuyaphi apha kwaNobuhle.

UBooi uthi kwezo zilishumi elinanye, zimbini kuphela ezithe zasinda emva kokuba zidutyulwe ngulo mlungu.

Oku kuthetha ukuba uBooi uphulukene nemali engange-R108 000, xa inkomo nganye uyibala nge-R12 000.

Uthi ubuhlungu kukubona iinkomo zakhe zidunduluzile. “Kubuhlungu kakhulu, kuba nguvimba wethu iinkomo. Ukubulawa kwazo, kukubulawa kobomi bethu kuba siphila ngazo. Iinkomo ziyasengwa futhi zithengiswe, ukuze siphile,” kutsho uBooi.

“Into endiyifunayo kulo mlungu, kukuba ahlawule lo monakalo awenzileyo kuba iinkomo ezi azidubuleyo azinakuphinda zivuke,” utshilo uBooi.

Umphathiswa wesebe lophuhliso lwamaphandle nezolimo uMlibo Qoboshiyane uthe:

“Imbi le nto, indlela le zibulewe ngayo ezi nkomo ihlasimlisa umzimba. Siyasigxeka esi sehlo. Amafama amnyama akanamhlaba uphangaleleyo wokukhulisa imihlambi yawo,” utshilo uQoboshiyane.

Ukanti umfama otyholwa ngokubulala ezi nkomo zikaBooi, uCarlo Andries Voight (37) ukhululwe ngesilumkiso yinkundla kaMantyi yaseTinarha ukuze amapolisa aqhube nophando. Uzakubuyela enkundleni kweyeKhala.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za