Ufuna intsebenziswano namapolisa iqhubeke usodolophu waseMbhashe

Imimpu engenampephamvume ebanjwe ngamapolisa kubantu abohlukeneyo eMbhashe ngeeholide zehlobo. Umfanekiso: Anele Raziya

UMasipala waseMbhashe
eDutywa uthi uchulumance kakhulu ngumsebenzi oncomekayo wamapolisa ephondo leMpuma Koloni ebambisene namagosa onyanzeliso kamasipala, apho babembe iimimpu elishumi engenamaphephamvume ngexesha leeholide zehlobo.

Oku kuvele ngexesha
lo masipala ububambe indibano noondaba ngoMvulo. Inkonzo yesipolisa
ibinikezela ngengxelo yeziganeko zolwaphulo mthetho ezenzeke ngelixesha leeholide.

Iimimpu kuvakala ukuba
ibanjwe kwindawo ezahlukeneyo ngamapolisa esebenzisana namagosa onyanzeliso aseMbhashe.

Usodolophu waseMbhashe,
uSamkelo Janda uncome ungenelelo lwamapolisa ephondo ekulweni izenzo zolwaphulo
mthetho kwindawo yaseMbhashe ngeeholide zehlobo.

“Ungenelelo lamapolisa
ephondo lidlale indima enkulu ukuthomalalisa izenzo ezigwenxa ngeezintsuku
zeziyunguma eMbhashe,” utshilo.

La mapolisa aqalise
ukusebenza kwindawo yaseMbhashe ngomhla wamashumi amabini anesibini kweyoMnga, de kwanguMvulo wale veki.

UJanda uthi lentsebenziswano namapolisa ufuna iqhubekeke ingabikho kuphela ngexesha leeholide kweyoMnga.

“Injongo yethu kuyigcina
ikhona intsebenziswano phakathi kwethu kunye nenkonzo yesipolisa ephondweni,
kwaye sele siziqalisile nengxoxo sicela lonto,” uqhube watsho.

Ukwamemelele nakwabo
bashishina ngotywala ukuba balandele imithetho yebhodi elawula ukuthengisa
kotywala ukuze kungabikho mntu ozakuthengisa kuse phandle.

Obethethela inkonzo yesipolisa eMpuma Koloni uNjengele Etius Swart uthi iimimpu bayibambe kwiindawo zeentselo
ezahlukeneyo eMbhashe eziquka eDutywa edolophini.

UNjengele Swart uthi
lemimpu izakuhlolwa ukuba ayibandakanyeki kwezinye iziganeko zolwaphulo
mthetho.