Umbono kaEskom wokunyusa ixabiso lombane kweli loMzantsi Afrika uzakuxoxwa ePalamente kungekudala.
AbakwaEskom bafake isicelo kwibhunga elilawula umbane kweli, iNational Energy Regulator of South Africa (NERSA), ngelithi mabavunyelwe banyuse ixabiso lombane.
USomlomo wePalamente kweli, uThoko Didiza, uqinisekise ukuba ngenene ngenxa yesicelo sombutho weDA bazakuxoxa lo mcimbi ePalamente.
I-DA ithi ikuchasile ukunyuswa kwexabiso lombane nguEskom ngelizama ukumela iimfuno zabantu abahluphekayo. Othethe egameni lombutho weDA kwimicimbi yombane uKevin Mileham uthi abanakuvuma ukunyuswa kombane.
“Ngenene iPalamente izakuwuxoxa lo mcimbi, iPalamente inegunya lokukhangela ukuba esi sigqibo sisemthethweni kangakanani, injongo kukukhusela abantu abahluphekayo,” kucacisa uMileham.
Le ngxelo ithi uEskom uceba ukunyusa umbane ngomyinge wamashumi amathathu anesithandathu (36%) ekhulwini. Umbane yenye yeengxaki ezithwaxa ngamandla ushishino nentlalo yabantu ngenxa yokuba uhamba uze ushiye abantu ebumnyameni.
“Injongo yethu ephambili kukusabela kwiNERSA ukuba benza kanjani xa bethatha isigqibo sokuvumela uEskom ukuba anyuse amaxabiso ombane,” kutsho uMileham.
Ngenyanga yeSilimela kulo nyaka, uEskom ebefuna ukunyusa ixabiso lombane ngomyinge wamashumi amane eepesenti (40%) ekhulwini.
Ukuvunyelwa kukaEskom ukuba anyuse eli xabiso kungathetha ukuba abantu beli baza kujongana nengxaki yokuhlupheka.
Ukuba angavunyelwa uEskom ukuba anyuse umbane oko kungathetha ukuba ngenyanga kaTshazimpuzi kunyaka ozayo lizakunyuswa ixabiso lombane kweli.
Amashishini amaninzi kweli avalile logama amanye ephungule umsebenzi wawo ngenxa yokucima kombane eMzantsi Afrika. Esinye sezizathu zokunyuswa kombane kweli kukuba kuzanywa ukuqinisa umsebenzi owenziwa nguEskom.
Izimvo zabafundi ngokuyalwa komtshakazi