Ufunde kumaRasta ngentsangu!

USibongile Mkhwanazi ulisabele ikhwelo lokuba intsangu isetyenziswe njengechiza lokunyanga ngokusemthethweni eMzantsi Afrika. Ungumnikazi, ekwangumsunguli wenkampani EyeZulu High Kitchen, evelisa iindidi zemveliso yentsangu.

Uthi konke oku kuqale ngokuba athande ukutya, ekwathanda ukusebenza kwigumbi lokupheka ekhayeni lakhe.

“Umakhulu wam ebengumntu othanda ukupheka kakhulu, ndisoloko ndisecaleni kwakhe, ndiqwalasele iindlela enza ngazo xa epheka ukutya,” kutsho uMkhwanazi.

IEyeZulu High Kitchen ivelisa iimveliso eziquka iziqholo zokutya ezinjenge oyile yokupheka, ioyile yokongeza incasa ekutyeni nezinye.

“Ekhaya bekunkonkxwa ukutya emva kokuba kuvunwe egadini, kugcinwe ixesha elide kumakhulu wam, kodwa umdla wawusoloko usekuphekeni,” utsho uMkhwanazi.

Ukhuliswa ngunina obengenamyeni, yena eyintombi endala. Kwamnika ithuba lokufunda nzulu ngokupheka ngendlela ezahlukeneyo.

“Emva kokuqukumbela imfundo ephakamileyo, ndiye ndadibana nabantu abangamaRasta ndaphila impilo enye kunye nabo, ndafunda lukhulu kubo ngentsangu,” kucacisa uMkhwanazi.

Uthi ufunde intlobo entsha yokutya, ukusetyenziswa kwentsangu nezinye eziyinxalenye yesizwe samaRasta.

“Bendisoloko ndiphambili kwiinkqubo zokupheka nokulungiswa kokutya kwamaRasta xa sinendibano yenkonzo yamaRasta,” utsho.

Sele kuyiminyaka engamashumi amabini uMkhwanazi ephila ngokutya kwamaRasta, iintsangu nezinye iimveliso ezihambelana nentsangu.

“Iimveliso zam zonke zentsangu ndizenzela ekhayeni lam, ndizikhulisela intsangu yam ngokwam, ndize ndenze ke le mixube yezi ncindi, andinakuyichaza ke ncakasana imixube yam kuba yimfihlelo yeEyeZulu High Kitchen,” kutsho uMkhwanazi.

Isonka sentsangu yenye yeemveliso eziphambili eziveliswa nguMkhwanazi kumsebenzi wakhe wokuzikhulisa kwimveliso yentsangu.

Ethetha ngemveliso yentsangu nokukhuliswa kwayo kweli, uMphathiswa weSebe lezoLimo noPhuhliso lwaMaphandle uNomakhosaza Meth.

“Sijonge ukuyikhulisa kakhulu imveliso yentsangu eMpuma Koloni, singahle siyifakele ibe sisifundo esisemthethweni kwezinye zeeKholeji zeli phondo ingakumbi emaMpondweni,” watsho uMeth.

USibongile Mkhwanazi uthi ukusebenzisa amakhasi onxibelelwano ukuthengisa iimveliso zakhe kuzele amaduna namathokazi, kwaye zikho iimpawu zokukhula kwishishini lakhe. “Ndibuzwa rhoqo ngabantu ukuba ndakuyivula nini indawo yokuthengisela iimveliso zam, bendithumelela imiyalezo ngokusebenzisa amakhasi onxibelelwano,” utsho uMkhwanazi.

Intsangu ineendidi ngeendidi ezibizwa ngamagama ahlukeneyo ngokweelwimi zasemzini, kodwa ngeelwimi zesintu linye kuphela igama layo.

“Ndijonge ukubiza abantu beze eEyeZulu High Kitchen nokuba kukanye ngenyanga ukuze bangcamle, bathenge iimveliso zethu, ngolo hlobo lakukhula ishishini lam,” utsho uMkhwanazi.

Intsangu sesinye sesityalo abafikele kuso abantu beli xa bebesuka kumazwe akuMntla noMbindi weAfrika, befikela kwisizwe sabaThwa. Eli cuba labaThwa mva liye lawela kwisizwe samaMpondo emva kokoyiswa kwemikhosi yabo ngamabutho amaMpondo.

Imimandla ephambili ukulima intsangu kweli kwamhla mnene, iquka iidolophu zamaMpondo ezifana neSajonisi, Lusikisiki, Libode naseNgqeleni nezinye.

Ibhunga elizibiza ngokuba yiThe Cannabis Development Council of South Africa lithi lilo elijongene ngokusemthethweni nokuphuhliswa kokusetyenziswa kwentsangu ngabantu beli. Ukusukela kwinyanga ezayo kuza kubanjwa iinkomfa kumaphondo amathathu kweli, aquka iNtshona Koloni, iRawuti kwakunye nephondo laseKZN kuxoxwa banzi ngentsangu.

Ufunde kumaRasta ngentsangu uSibongile Mkhwanazi

USibongile Mkhwanazi ulisabele ikhwelo lokuba intsangu isetyenziswe nje ngechiza lokunyanga ngokusemthethweni eMzantsi Afrika. Ungumnikazi, ekwa ngumsunguli wenkampani EyeZulu High Kitchen, evelisa iindidi zemveliso zentsangu.

Uthi konke oku kuqale ngokuba athande ukutya, ekwathanda ukusebenza kwigumbi lokupheka ekhayeni lakhe. ”Umakhulu wam ebengumntu othanda ukupheka kakhulu, ndisoloko ndisecaleni kwakhe, ndiqwalasele iindlela enza ngazo xa epheka ukutya,’kutsho uMkhwanazi.

IEyeZulu High Kitchen ivelisa iimveliso eziquka iziqholo zokutya ezinje nge oyile yokupheka, ioyile yokongeza incasa ekutyeni nezinye.”Ekhaya bekunkonkxwa ukutya emva kokuba kuvunwe egadini, kugcinwe ixesha elide kumakhulu wam, kodwa umdla wawusoloko usekuphekeni,”utsho uMkhwanazi. Ukhuliswa ngunina obengenamyeni, yena eyintombi endala kwamnika ithuba lokufunda nzulu ngokupheka ngendlela ezahlukeneyo.

”Emva kokuqukumbela imfundo ephakamileyo, ndiye ndadibana nabantu abangamaRasta ndaphila impilo enye kunye nabo, ndafunda lukhulu kubo ngentsangu,”kucacisa uMkhwanazi. Uthi ufunde intle entsha yokutya, ukusetyenziswa kwentsangu nezinye eziyinxalenye yesizwe samaRasta.”Bendisoloko ndiphambili kwinkqubo zokupheka nokulungiswa kokutya kwamaRasta xa sinendibano zenkonzo yamaRasta,”utsho.

Sele kuyiminyaka engamashumi amabini uMkhwanazi ephila ngokutya kwamaRasta, iintsangu nezinye iimveliso ezihambelana nentsangu.

“Iimveliso zam zonke zentsangu ndizenzela ekhayeni lam, ndizikhulisela intsangu yam ngokwam ndize ndenze ke lemixube yezincindi, andinakuyichaza ke ncakasana imixube yam kuba yimfihlelo yeEyeZulu High Kitchen,”kutsho uMkhwanazi.

Isonka sentsangu yenye yemveliso eziphambili eziveliswa nguMkhwanazi kumsebenzi wakhe wokuzikhulisa kwimveliso zentsangu.Ethetha ngemveliso zentsangu nokukhuliswa kwazo kwei uMphathiswa wesebe lezolimo nophuhliso lamaphandle uNomakhosaza Meth.

”Sijonge ukuyikhulisa kakhulu imveliso yentsangu eMpuma Koloni, singahle siyifakele ibesisifundo esisemthethweni kwezinye zeKholeji zeli phondo ingakumbi emaMpondweni,”watsho uMeth.

USibongile Mkhwanazi uthi ukusebenzisa amakhasi onxibelelwano ukuthengisa iimveliso zakhe kuzele amaduna namathokazi, kwaye zikho iimpawu zokukhula kwishishini lakhe. “Ndibuzwa rhoqo ngabantu ukuba ndakuyivula nini indawo yokuthengisela iimveliso zam, bendithumelela iiyalezo ngokusebenzisa amakhasi onxibelelwano,”utsho uMkhwanazi.

Intsangu inendidi ngendidi ezibizwa ngamagama ahlukeneyo ngokwelwimi zasemzini, kodwa ngelwimi zesintu linye kuphela igama layo.

”Ndijonge ukubiza abantu beze eEyeZulu High Kitchen nokuba kukanye ngenyanga ukuze bangcamle, bathenge iimveliso zethu, ngolohlobo lakukhula ishishini lam,”utsho uMkhwanazi.

Intsangu lelinye lamafama abafikele kulo abantu beli xa bebesuka kumazwe akuMntla noMbindi weAfrika befikela kwisizwe sabaThwa. Elicuba labaThwa mva liye lawela kwisizwe samaMpondo emva kokoyiswa kwemikhosi yabo ngamabutho amaMpondo. Imimandla ephambili ukulima intsangu kweli kwamhla mnene iquka idolophu zamaMpondo ezifana neSajonisi, Lusikisiki, Libode naseNgqeleni nezinye.

Ibhunga elizibiza ngokuba The Cannabis Development Council of South Africa lithi lilo elijongene ngokusemthetnweni nokuphuhliswa kokusetyenziswa kwentsangu ngabantu beli. Ukusukela kwinyanga ezayo kuzakubanjwa iinkomfa kumaphondo amathathu kweli aquka iNtshona Koloni, Rawuti kwakunye nephondo laseKZN kuxoxwa banzi ngentsangu.