Ufunqulwe umthamo wokulotywa kweSouthern Bluefin Tuna

Iintlanzi zohlobo lebluefin tunas, zilayishwa kwifama, tuna farm, kunxweme lweCalabrian kuMazantsi welizwe laseItaly. Umfanekiso: REUTERS

LIFIKILE ixesha lokuba uluntu olukwimimandla egudle amanxweme eelwandle luthabathe inxaxheba kuqoqosho olwayamene neelwandle.

Oku kuthethwe lisebe lezolimo, amahlathi nezokuloba emva kweendaba zokufunqulwa komthamo wonaniselwano ngeetoni zentlanzi yohlobo lweSouthern Bluefin Tuna ngokwemigqaliselo yeKomishini yokukhuselwa kwale ntlanzi (Commission for Conservation of Southern Bluefin Tuna).

ISouthern Bluefin Tuna luhlobo lwentlanzi efumaneka kwihemisfiye esemazantsi.

Ezitoni zenyuswe ukusuka kwikhulu elinesiqingatha (150) ukuya kumakhulu amane anamashumi amahlanu (450).

Iingxelo zithi abalelwa kwiwaka amathuba engqesho angavela kulandela esi sibhengezo, kwaye uqoqosho loMzantsi Afrika kulindeleke ukuba lufunquke ngendlela engummangaliso.

Usekela-mlawuli kwicandelo lezokuloba kwisebe lezolimo, amahlathi nezokuloba uSiphokazi Ndudane uthi esi sibhengezo siza kuxhamlisa abantu abebefudula bebhekiselwe phaya xa kuthethwa ngoqoqosho kwiilwandle.

“Kwiilwandle zethu sithe gqolo ukubona kufika abantu bakude bezokuloba, emva koko bahambe nobobutyebi belwandle elo bayokukhulisa amashishini abo. Urhulumente uthe wakuyiqwalasela wafumanisa ukuba yingxaki le, kwaye ifuna ukulungiswa.

“Yiyo le nto ngenyanga yoMdumba kulo nyaka uMongameli Jacob Zuma ethe watyikitya umthetho wokuxhamlisa abantu abebefudula bebhekiselwe phaya kuqoqosho lweelwandle,” utshilo uNdudane.

UNdudane ukwathe iilayisenisi ezinikwe abalobi abathe babhaliswa phantsi kwalo obutyikitywe nguZuma zizakubhengezwa kungekudala.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za