Ufunyenwe emlanjeni umzimba wentwazana yaseDutywa

Ubhaqwe kuMlambo iMnyameni kwilali yaseQeqe eBolotwa eDutywa umzimba wentwazana eneminyaka elishumi egama linguSiziphiwe Mbizo.

Lo mzimba wale ntwazana ubhaqwe ngoMvulo emva kwemini ngamapolisa ogqogqo aseMthatha

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa kwakunye neendawo eziyingqongileyo uKapteni Jackson Manatha uthi, ukubhaqwa kukaSiziphiwe kuza emva kokuduka ngoLwesihlanu ebusuku.

Emva koko uninakhulu uyokuvula ityala lomntu olahlekileyo emapoliseni.

“Ixhoba belishiyeke nomakhulu walo ngale mini lishiywa ngunina walo oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo, emva kwentsimbi yesixhenxe ngethuba eyokutyelela umfo ancuma naye.

“Okwangoku akukacaci nokuba ixhoba lalilandela unina okanye laxhwilwa kusini na. Umama wexhoba ubuye ngeCawe exelelwa ukuba umntwana ulahlekile,” utshilo uManatha.

“Ziziphumo zoqhaqho ezizakuthi ziveze ukuba umntwana ebekhe wadlwengulwa ngaphambili. Umzimba wakhe ubhaqwe ungenamanxeba,” udize oko uManatha.

Amapolisa aseDutywa asaphanda ngelityala. Akwabongoza ukuba nabani na onokubanolwazi ngalenyewe eze ngaphgambili kumapolisa. Okanye atsalele ku-047 489 1333 naku 08600 10111.