Udutyulwe wabhubha uThabo Justice Bheja (42) nongumnikazi wendawo yentselo eseSweetwaters eQonce, edutyulwa ngamadoda amathathu angaziwayo ngethuba emisa kwindawo ejikayo kwisitalato iFleet eQonce.
UBheja ubhubhe kwangoko wabe ehamba ngesikuta sakhe.
Ngokwengxelo ephuma kuWarrant Officer Majola Nkohla, uBheja udutyulwe ngeCawa emini. Amapolisa abizelwe kwisitalato saseFleet eQonce kusithwa kunodubulwano olwenzekayo nafike sele ebhubhile okaBheja kwaye enamanxeba eembumbulu.
UNkohla uthi kukwadubuleke ngempazamo nomntu ongusisi obebukele noye wabalekiselwa esibhedlele.
Amapolisa akwafumene iziyobisi zohlobo lwemandrax, kwafunyanwa umgubo omnyama obuseplastikini, imali engachazwanga kwakunye nompu kwindawo yexhwayelo.
Kanti ingxelo ithi uBheja ebengaqali ukufunyanwa eneziyobisi kuye. Kwinyanga yeThupha kwakulo nyaka kwafunyanwa iintlobo zeziyobisi ngaphakathi kwindawo yakhe yentselo waze wabanjwa ngamapolisa, wakhululwa ngebheyile. Ukuze kubhaqwe ezi ziyobisi kwakhe, amapolisa ayeyokusabela ubizo emva kokuba kwaye kwadutyulwa kwabhubha abantu ababini ngabantu abangaziwayo kule thaveni yakhe.
Amapolisa awakabambi mntu, abongoza intsebenziswano kubahlali. Lowo unolwazi angatsalela le nombolo 082 301 7762 okanye 08600 10111.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’