Ufunyenwe engenawo nomkrwelo umninawa weKumkani yabaThembu

Umninawa kaKumkani Buyelekhaya Dalindyebo, uNkosana Mankunku Jongisizwe Dalindyebo, ebekuvakala ukuba uxhwilwe ngamadoda angaziwayo eMthatha UMFANEKISO SIYANDA JANTJIES

INkosana yesizwe sabaThembu uMankunku Jongisizwe Dalindyebo ufunyenwe engenawo nomkrwelo kwilali yakuKhambi eMthatha ngentsasa yangoMgqibelo, kulandela iingxelo zokuba uxhwiliwe ngenjikalanga yangoLwesihlanu. 

UNkosana Jongisizwe, umninawa weKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Zwelibanzi Dalindyebo osentolongweni, bekudizwe ukuba uxhwilwe edolophini yaseMthatha ngamadoda amane angaziwayo axhobe ngemipu. 

Igqwetha likaNkosana Jongisizwe, uMatthew Mpahlwa, uthi kukhe kwakho iingxelo zokuba uNkosana Jongisizwe ukwindlela esingise eKokstad nabaxhwili bakhe. 

Isithethi samapolisa aseMthatha uLieutenant Colonel Mzukisi Fatyela uthi uNkosana Jongisizwe ufunyenwe engenawo nomkrwelo. “Simfumene kuKhambi ngentsasa yangoMgqibelo emva kokumkhangela phantse bonke ubusuku bangoLwesihlanu. Asiyazi ukuba unyengezwe njani, sisaqhuba nophando. Ityala lakhe lokuxhwilwa belivulwe kumapolisa aseMadeira,” utshilo uFatyela. 


Indlu yobuKumkani babaThembu ayikhange ifumaneke ukuphefumla ngale nyewe. 

UNkosana Jongisizwe ebengavisisani kwakunye nonyana kaKumkani Zwelibanzi, uNkosana Azenathi Zanelizwe Dalindyebo, malunga nofanele ukubamba kubukumkani nanjengoko iKumkani isadontsa isigwebo entolongweni.

Okungavisisani kude kwabangela ukuba uNkosana Jongisizwe ase le nyewe kwiinkundla zomthetho.

Iqela labaThembu elixhasa uNkosana Jongisizwe lisamile kwelokuba yile nkosana efanele ukubamba kubukumkani kuba libanga ngelithi uNkosana Zanelizwe wazalwa ngaphandle komtshato. Kananjalo, iqela elixhasa uNkosana Zanelizwe limile kwelithi ngunyana kaKumkani Zwelibanzi ofanele ukubamba kuba unina, uKumkanikazi NoCollege Dalindyebo, walotyolwa yiKumkani.