Ufunyenwe kulwandle lwaseMonwabisi uNwabisa

UBongikhaya Qhama ongusihlalo weSanco kunye noZamindlela Gosa ongunobhala, Ntombekhaya Kopman nonguceba wakwa Ward 18 ngethuba belindele utata kaNwabisa uThemba Mtshambela ukuba abavulele indlu athathwe kuyo uNwabisa umfanekiso: Buziwe Nocuze.

Kubonakala ngathi ayisebenzi imithandazo ekhalimela ukubulawa kwamantombazana eKapa nanjengoko zithe gqolo ukwehla iziganeko apho kubulawa khona abantu basetyhini.

Usapho lwakwaMtshambela luzilile kulandela ukubulawa kukaNwabisa Mthumeni nobe neminyaka engamashumi amathathu ananye ubudala.

UThemba Mtshambela nongutata kaNwabisa uthe belusapho basothuke kakhulu sesi sehlo.

“Akekho umzali ofuna ukungcwaba umntwana wakhe, bekufanele ukuba ngabantwana abangcwaba abazali hayi le ndlela kwenzeka ngayo ngoku,” utshilo uMtshambela.

Ebalisa ngokusweleka kwentombi yakhe, uthe kufike abantu endlini ebehleli kuyo nesoka lakhe.

“Xa libalisa isoka lithi aba bantu baye bathetha nentombi yam ze emva koko waxelela isoka eli lakhe ukuba babaleke kuba baza kubuya kodwa ke lithe lisabuza ukuba babuya bayaphi kanti sebefikile,” utshilo.

Lo kaMtshambela uqhube wathi emva kokuba befikile badubule isoka lentombi elisalwela ubomi balo esibhedlele ze bathatha intombi yakhe babaleka nayo.

“Oomakhelwane ke bathi umntwana wam ukhale kwakanye, xa ndicinga ke baye bamvala umlomo ukuba angabi sakhala kuba ngumganyana nje omncinane ukusuka kule ndlu bebekuyo ukuza kwimoto ababaleke ngayo naye, ” utshilo uMtshambela.

Uqhube wathi ebesesibhedlele ngethuba esiva ukuba intombi yakhe ifunyenwe ilahlwe kulwandle lwaseMonwabisi.

“Kunzima ukuyikholelwa yonke le nto kwaye abenzi bobubi bamdubule emva kwendlebe ze imbumbulu yazokuphuma emlonyeni,” utshilo uMtshambela.

Watsho esithi umnqweno wakhe kukuba aba bantu babulele umntwana wakhe kabuhlungu olu hlobo babanjwe kwaye babhatale ngesenzo sabo.

“Asiyazi ukuba sizokuqala ngaphi ukwenza lo msebenzi, uncedo siyaludinga kakhulu kwaye sibuhlungu ngendlela abantwana bethu ababulawa ngayo,” utshilo uMtshambela.

Kusukela oko kwathi kwabulawa uUyinene eposini bekubanjwa imithandazo apho bekukhalinyelwa idimoni elingene amadoda lokubulala amantombazana kodwa endaweni yokuba ezi ziganeko zehle ziyonyuka.

Omnye wabahlali bale ndawo ocele ukuba igama lakhe lingachazwa, uthe baphila ubomi bentshontsho kwaye indlela ezenzeka ngayo izinto yenza abantu bajongeke njengabantu abangenabo ubuntu.

“Simvile umntwana ekhala kodwa sizophuma siyephi ebantwini abaphethe imipu, sonke siyakoyika ukufa kwaye akukho ncedo besiza kulwenza kuba namapolisa ngala athi xa efowunelwa afike ngexesha lawo,” utshilo umhlali.

Uqhube wathi babuhlungu kakhulu ngokubulawa kukaNwabisa xa kanye bebesakhalela amanye amanina athe abulawa.

“Kudala kuthandazwa le mithandazo ayisebenzi, andazi nokuba kuthandaza abantu abangenakholo na kuba yintoni eza kude yenziwe ukuphelisa lo mkhuba,” utshilo umhlali.

Isithethi samapolisa aseKapa uLieutenant Colonel Andre Traut uthe amapolisa aphanda ityala lokubulala nokuzama ukubulala kulandela isiganeko esehle eKhayelitsha apho indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesithathu ubudala ithe yadutyulwa ngabantu abangaziwayo.

“Unobangela wesi sehlo awukaziwa kodwa amapolisa ayaphanda kwaye akukabanjwa mntu.”

Uqhube wathi nabani na onokuba nolwazi malunga nesi sehlo ukuba atsalele umnxeba amapolisa ku 08600 10111.