Ufunyenwe sele ebanda uNandipha!

Ubhaqwe sele ebhubhile umfundi wesikolo samabanga aphakamileyo iCunningham eGcuwa, uNandipha Mtuzula (19) nowaduka ngomhla we-13 kwinyanga ephelileyo esiya esikolweni.

 

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa eGcuwa uKapteni Jackson Manatha ithi, uMtuzula ubhaqwe ngakwihlathi elikufutshane nesikolo eso sakhe . Orhaneleka ngokubulala uMtuzula ubanjiwe ngamapolisa ekwilali yakwaR1 eTholeni kumzi asebenza njengomalusi weegusha kuwo.

 

 Umrhanelwa uneminyaka engama (30) ubudala, ubanjwe ngoLwesibini (izolo). Ulindeleke ukuba avele  kwinkundla yamatyala kungekudala njengoko kusaphandwa.


Umkomishinala wamapolisa ephondweni, uNjengele Liziwe Ntshinga, usikhalimele esi senzo sibi kangaka.   “Esi sesinye seziganeko ezothusayo apho umntwana ongakwazi ukuzilwela abelixhoba lokubulawa engenzanga nto. Uphando luyaqhubekeka,” utshilo uNtshinga.

 

UMtuzula ngasemva ushiya unyana wakhe ononyaka oneenyanga ezintlanu ezelwe. Ebesenza ibanga leshumi eCunningham.