Ufunyenwe umpu obulele ipolisa!

Umfanekiso ophuma kuTwitter: Amapolisa ebamba abarhanelwa kwisikhululo seenqwelomoya eMonti.
Amapolisa akwicandelo leeHawks athi afumene umpu osetyenziswe ngabarhanelwa ababini abajongene nezityholo zokudubula babulale ipolisa laseBeacon Bay.
 
USajini Simphiwe Sahluko onama42 eminyaka, udutyulwe wasweleka kwikhaya lakhe kwaNompumelelo eMonti ngeCawe.

Ingxelo ekhutshwe sisithethi seeHawks, uAnelisa Feni, ithi abarhanelwa ababini uSinethemba Sikoti, kwakunye noAndile Marwanqa abaminyaka ingama30 bangena kwikhaya lexhoba elikwasisirhoxo sotywala emva kwentsimbi yesihlanu ngeCawe, kodwa uSajini Sahluko akabavumela ukuba bangene. 

Emva koko bemka abarhanelwa, kodwa baphinda babuya emva kwentsimbi yesibhozo bexhobile. Kulapho baye bamdubula bambulala uSajini Sahluko. 
Bobabini abarhanelwa babanjwe ngoLwesibini kwisikhululo seenqwelomoya eMonti, nalapho bebebuyisa imoto yemboleko. 
USikoti noMarwanqa bebevele kwiNkundla kaMantyi eMonti ngoLwesine nalapho bajongene netyala lokubulala, nelompu ongenampephamvume. 
Umpu ekukholeleka ukuba usetyenziswe ngabarhanelwa ufunyenwe ziiHawks kwilali yaseNcerha kwalapha eMonti. 
Ityala limiselwe umhla wesibini kweyeDwarha  ngelixa kusaphandwayo.