UAziwe Futhe ngomnye wolutsha olukholelwa ukuba imfundo sisitshixo sokuvula iminyango emininzi ebomini, nto leyo imkhokelele ekubeni avule isikolo sakhe sabucala eKapa.
Kwesi sikolo uFuthe ufundisa ekwaqeqesha uluntu kwi-intanethi izifundo ezahlukileyo ingakumbi kwezoshishino nokusebenza ezivenkileni.
“Emva kokwenza izifundo ezifutshane eziliqela, ndaye ndanombono wokuba ndiqale owam umsebenzi kwi-intanethi, apho ndiza kufundisa uluntu ngezifundo zoshishino kunye nolwazi ngeevenkile,”utshilo uFuthe.
UFuthe, 21, yinzalelwane yaseLibode, nalapho enze amabanga akhe aphantsi eDalibhunga J.S.S, waze wenza amabanga aphakamileyo eTutor Ndamase S.S.S.
Kungoku nje, uFuthe wenza izifundo zomthetho kwenye yeeDyunivesithi zaseKapa.
Ukwafundele ukuba yiFacilitator eBull and Business Institute, nalapho ngoku egqibezela izifundo zokuba yi-Assessor.
“Nakuba ndingumfundi, kodwa lo umsebenzi wokufundisa uluntu kwi-intanethi ndiyawonwabela ngenxa yokuba ndandikhe ndaphangela ezivenkileni,” utshilo uFuthe.
UFuthe uqhayisa ngabantu abayi-52 asele ebaqeqeshile ukusuka kwinyanga yeKhala kulo nyaka ukuza kuthi ga ngoku. Loo nto imenze agqibe kwelokuba aqale ukufundisa ubuso ngobuso ngenxa yomdla oboniswa ngabo sele ebaqeqeshile kwezi zifundo.
“Oku kum ikwayindlela yokukhuthaza abaninzi ukuba bavuke bazenzele, ingakumbi abo basuka ezilalini, bekwakhule kumakhaya angathathintweni njengam,” wongeze ngelo uFuthe.
Zonke izifundo ezenziwa kwiziko likaFuthe iFunda Online Academy ziyahlawulelwa. Ukanti uqhuba athi ingeniso ayikabikho nanjengoko esazama ukukhulisa esi sikolo.
Abanomdla kwisikolo sikaFuthe, bangamkhangela kuFacebook Funda Online Academy okanye bathumele umyalezo kuWhatsApp ku-069 960 8590, ukuze bafumane iinkcukacha ezithe vetshe.
UFuthe usafake isicelo senkxaso kwiNYDA, njengoko edinga izixhobo zokufundisa. Ukanti unayo indawo asele esebenzela kuyo nanjengoko iinjongo zakhe ikukufundisa uluntu ubuso ngobuso.
“Indawo umntu aphuma kuyo mayingamisi okanye ichaphazele amaphupha akhe. Ndikholelwa ukuba imfundo iyadlisa kwaye isizwe singangcono kakhulu xa urhulumente enokuzisa imfundo ebantwini bonke,” uvale ngelo uFuthe.
UEl Nino uhlasela amafama weswekile