Ugalelekile kweli uXi Jinping uMongameli waseChina

UMongameli uCyril Ramaphosa esamnkela ugxa wakhe waseChina Xi Jinping.

UseMzantsi Afrika uMongameli welizwe laseChina uXi Jinping, uza kuba yinxalenye yengqungquthela yamazwe eBRICS aquka uMzantsi Afrika, iChina, Indiya, iRashiya kwakunye neBrazil.

UJinping wamnkelwe ngezandla ezishushu kwizakhiwo zomdibaniso ePitoli ngoLwesibini ngeliqalisa iinkqubo zendibano yeBRICS eMzantsi Afrika.

UMongameli weli uCyril Ramaphosa wamnkele lo gxa wakhe ngelizama ukuqalisa ngqo neenkqubo zale ngqungquthela. Ukudibana kwala madoda mabini kubaluleke ngamandla nanje ngoko kuzakuvula inyoba yokuba basebenzise elithuba ukunabisa amaqhina ozakuzelwano phakathi kwalamazwe mabini.

Iingcali nomhlalutyi wezopolitiko kwiYunivesithi yaseWits uGqirha Gideon Chitanga kudliwanondlebe neIOL, uthi utyelelo luka Jinping eMzantsi Afrika luza ngexesha elifanelekileyo. “Kulindeleke ukuba abambe indibano eyona neenkokheli zase Afrika kwangelithuba azimase le ngqungquthela yeBRICS, ubukho bakhe bukwabaluleke kuba kuzakunika ithuba lokuqinisa amaqhina ozakuzelwano phakathi kweChina namazwe aseAfrika,” utsho uChitanga.

Kuthwa kule minyaka ilishumi igqithileyo ilizwe laseChina libe lelona lihamba phambili ukutyala imali kwilizwekazi laseAfrika.

Kwiveki ephelileyo abaPhathiswa bamaSebe aquka ezolimo abaphuma kumazwe weBRICS bageleleke kweli ukuza kuqalisa iinkqubo zothethwano ngoku kodwa kurhwebelwano. “Eli lithuba lokuba lamazwe mabini aqinise amaqhina ozakuzelwano kwimicimbi eliqela, le ndibano yeBRICS idale elothuba kwinqanaba eliphezulu,” kutsho uChitanga.

Inenekazi lokuqala kweli elinguNkosikazi kaCyril Ramaphosa uTshepo Motsepe ebesecaleni komyeni ngethuba besamnkela uJinping waseChina. Unobhala jikelele kumbutho weANC uFikile Mbalula uthi ilizwe laseChina lenze iivenkile ezininzi ezidale amathuba emisebenzi kubantu boMzantsi Afrika.

“Kukho ezindawo kuthwa ziiChina Malls, ziyancedisa ukulwa izinga lentswelo ngqesho eMzantsi Afrika,” kutsho uMbalula. Kukho iingxelo zokuba maninzi amazwe aseAfrika nawehlabathi abonisa umdla wokuba yinxalenye yamazwe weBRICS.

“UJinping utyelela eMzantsi Afrika ngexesha apho ilizwe loMzantsi Afrika nelizwekazi laseAfrika lidinga amacebo okuvuselela imeko yezimali emva kokuhlaselwa sisifo seKhorona,” kutsho uChitanga.

UMzantsi Afrika uthethe ngokufanayo nelizwe laseChina malunga nemfazwe egquba kwilizwe laseUkraine ngelithi makufunyanwe isisombululo ngothethwano kule ngxaki. Amazwe aseYuropu ngaphambili anyanzelise ukubanjwa koMongameli welizwe laseRashiya xa enokuthi eze eMzantsi Afrika ukuzimasa lengqungquthela.

Unozakuzaku welizwe laseChina eMzantsi Afrika uChen Xiaodong uthe ukudibana kwakho kwamalungu wamazwe weBRICS kuzakuvuselela ngamandla iintsebenziswano ngeenjongo zokuvulela imeko zezimali kulamazwe. Sithetha nje kuqhutywa umboniso wasesidlangalaleni wemveliso zelizwe laseChina eSandton eRhawutini.