Ugalelekile umthwalo we-avokhado yeli eJapan

Umphathiswa wesebe lezangaphandle kweli, uRonald Lamola, uthi kuyamvuyisa ukuba ethe xa efika eJapan afikisane nomthwalo we-avokhado yeli ethunyelwe ngamafama oMzantsi Afrika.

ULamola ukwela lizwe laseJapan ngeliya kuqinisa amaqhina ozakuzelwano phakathi kwala mazwe mabini nekukudala eqhubeka.

“Kuyasivuyisa ukuba xa ndifika apha eJapan ndifikisane nomthwalo we-avokhado esuka ekhaya eMzantsi Afrika, oku kokokuqala ukwenzeka phakathi kwala mazwe mabini,” kutsho uLamola.

Ela lizwe alizange liyithenge imveliso ye-avokhado yelizwe loMzantsi Afrika ngaphambili, kodwa ngenxa yeenzame zikaRhulumente avulekile amasango.

“Ngaphandle kokuba ezi nzame ziza kugalela kwimeko yoqoqosho yoMzantsi Afrika, kukwalindeleke ukuba konke oku kudale imisebenzi,” kucacisa uLamola.

Ilizwe laseJapan sele lineminyaka emininzi kakhulu lithengisa iimoto zalo zenkampani yakwaToyota kweli.

UMphathiswa wesebe lezangaphandle kweli loMzantsi Afrika, uRonald Lamola udibane noMphathiswa wesebe lezangaphandle waseJapan, uYōko Kamikawa. Umfanekiso: Dirco/X

Iimveliso zemoto zakwaToyota zihamba phambili ngokuthengiswa kweli loMzantsi Afrika. Ngenxa yokuthandwa kweemoto zakwaToyota eMzantsi Afrika sele lizibiza ngokuba ‘ngaJapan.’

“Inxalenye yomsebenzi esize kuwenza apha kukuba sicenge abakwaToyota ukuba baqhubele phambili umsebenzi wokuvelisa iimoto zabo eMzantsi Afrika,” kutsho uLamola.

Uthi le nkampani yakudala iza kugalela imali ekwiibhiliyoni ezimbini zeerandi kweli ngelizama ukukhulisa umsebenzi wale nkampani.

“Sele besiqinisekisile ukuba baza kugalela imali kwimveliso yeemoto zabo, bazakwandisa amaziko abo eMzantsi Afrika, konke oko kuzakudala amathuba emisebenzi,” utsho uLamola.

Kwiimoto ezintlanu ozibona eMzantsi Afrika ngosuku, ezintathu kuzo ziimveliso zaseJapan eziquka iToyota nezinye.