Ugawulayo akabulali, kubulala ubuyatha

Uzungabuhoyi ubuyatha bam, Uzungabuhoyi ubuciko bam, Uzungabunaki ubuhle bam, Uzungabuhoyi ubudenge bam, Uze ungandigwebi awungomgwebi, Ubutyebi nobuhlwempu bam abunanto yokwenza nale nto, Uz’undincede ungandijaji gqirha ongenasidanga, Ukukhohlela kwam akuthi ndiyagula, Ukuvula kwam amehlo akuthi ndiyabona, Ukuphakamisa kwam unyawo akuthi ndiyahamba, Ukukhamisa kwam akuthi ndiyathetha, Ukushukumisa kwam’izandla akuthi ndibambelele, Ukuthatha kwam’ipilisi kuyatsho ukuba ingqiqo ikhona, Le ntlam’iphantsi kweli thafa leentwala iyasebenza.

Ugawulayo akezi ngokucinga kwengqondo yam, Ugawulayo akosuleli ngobuciko bam, Ugawulayo akabulali ngokungena kwakhe egazini, Ugawulayo akatyalwa sitiyeni akayomifuno, Ugawulayo akavunwa masimini akazombotyi, Ugawulayo nguSathana onendlela yakhe yokwenza, LIRHAMNCWA elize ngoburhalarhume lingenamazinyo, Ugawulayo akaphili nam ntonje mna ndiphila naye, Andiphili nagawulayo kodwa osondelene nam uphila naye.

Ugawulayo ndimthatha njengondwendwe, Ndimamkele kwaye ndimxabise njengomphambukeli, Ndinomunyu nomona ngaye ANDIMSASAZI, Ndimnasile ndimgadile ngowam, Masingachubelani ngaye AKANGOMAQHASHU, Masisonase esi sifo de sifumane indlela yokuphuma.

NGOKUZIKHUSELA singahlangabezana naye lo bhubhane, Ngokuthetha ngaye SINGALINCIPHISA izinga lokwenyuka kwakhe, Ngokuthembeka isibalo singehla, NGOKUNYOLUKA sinyusa izinga lalo mbulalazwe, Ngokungamameli nokungakhathali sidala iintanda phakathi kwethu naye, Xa sinongabizwa ngamagama asinokoyika ukuyokuthatha iipilisi.

Yingqiqo nengqondo yemveli ezinokusisebenzela, Bubuhlakani nokuva kweendlebe zethu ekunokusihlangula, Bubuciko nobungcathu bethu obunokusikhusela, Ubutyhakala nobuyatha abunakusisa ndawo, Ukuqava sikubek’ecaleni sijongane nalo mbulalazwe.

Xa unogawulayo awuyobhokisi ehambayo, Ungumntu ufana nabanye abantu, Ntonje uphila nentsholongwane egazini, Intsholongwane efuna ukukhathalelwa, Intsholongwane enguntemekwana efuna ukonaswa, Intsholongwane ezenza usana efuna uthando, Le ntsholongwane ayibulali kubulala ubudenge, Ukuphila nentsholongwane akuthi uyafa ngomso.

Ingaba kukubona kwamehlo wam? Mhlawumbi ukuva kwendlebe zam? Kungenzeka kukucinga kwentliziyo yam? Ndicinga uba kukuzikisisa nokuqiqa, Kukuqiqa okunokuqaphela nokuqonda, Umntakwenu, umntakwethu, udadenu udadethu,baphila nale ntsholongwane, Sonke siyachaphazeleka, Ngelinye ilanga sakuvuka ubhangile lo mbulalazwe, Uba iyakube iliphupha ze ndivuswe.