Umama oneminyaka engamashumi amane ananye (41), utyholwa ngokubulala unyana wakhe noneminyaka emibini (2) ubudala, ngoMvulo kule veki, eCrossroads, eNgqushwa.
UMkomishinala wamaPolisa kwiPhondo leMpuma Koloni, uLieutenant General Nomthetheleli Mene, uvakalise umothuko nokukhwankqiseka ngokubulawa ngokungenalusini kwale nkwenkwana iminyaka mibini kuphela.
Ingxelo ekhutshwe ngamapolisa ithi, malunga nentsimbi yeshumi kubusuku bangoMvulo, amapolisa aziswe luluntu lwasekuhlaleni malunga nomama wenkwenkwana oyihlasele, ze kamva wayitshisa yabhubha.
Ukufika kwamapolisa kwindawo yexhwayelo, afumene umzimba wenkwenkwana eneminyaka emibini ibethwe, yatshiswa, ze yabhubha. Kutyholwa ngelithi umama wale nkwenkwana wabetha le nkwenkwana phambi kodade wayo oneminyaka esixhenxe (7) ubudala, nowathi wazisa uluntu ekuhlaleni ngesi senzo sikanina.
Ukanti intwazana le iphantsi kogcino lwelungu losapho. Umama uye wabanjwa ngoMvulo, ngezityholo zokubulala.
Umrhanelwa uvele kwiNkundla kaMantyi eNgqushwa, namhlanje, umhla weshumi kweyeKhala, nalapho ityala limiselwe umhla weshumi elinesixhenxe (17), kule nyanga. Umrhanelwa uza kuhlala eziseleni de aphinde avele enkundleni.
“Singamapolisa, ubundlobongela obujoliswe kwabasetyhini nabantwana sesinye sezenzo esizikhalimelayo. Nayiphi na imeko enokuthi ikhokelele ekubeni umzali abulale umntwana wakhe ayithetheleleki. Ndithethile neqela eliphandayo ukuba eli tyala lifumane ingqwalasela ngokukhawuleza,” utshilo uLieutenant General Mene.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile