‘Ugcinwe kwababhubhe yikhorona kodwa eneTB’

Usapho lakwaXhosana kwilokishi iSiviwe eQumrha luthi luza kuthabathela amanyathelo isibhedlele sabo iKomga Hospital ngenxa yokungabinankathalo kwaso.

Oku kuza emva kokuba unyana wolu sapho uAnele Xhosana, 26, ehleli into engapha kweentsuku ezingamashumi amabini ebhubhile kwaye usapho lungade lunikwe mzimba lutsho lukwazi ukumngcwaba.

Nangona nje izolo ede wabe uyakhululwa umzimba wangcwatywa njengalowo ubhubhe ngekhorona.

Umama wexhoba uNotiti Xhosana, 53, ephalaza intlungu yakhe kwiphephandaba I’solezwe lesiXhosa uthe okumkhathaza nangakumbi kukuba engambonanga umntwana wakhe kuba ungcwatywe okomntu onekhorona kodwa bemazi bona unyana wabo enesifo sephepha (TB), hayi ikhorona.

UNotiti uthi ngomhla weshumi kwinyanga ephelileyo unyana waya ekliniki kuba engaziva mnandi, amanesi abona ukuba ugula ngamandla amtsala igazi akugqiba amthumela eKomga Hospital nesisibhedlele esibekelwe ukugcina abo bosuleleke yiKhorona.

Uqhuba uthi ikliniki yadiza kubo ukuba uAnele uza kuyokulaliswa eNkqubela eMdantsane, indawo yabo banesifo sephepha kodwa wade wabe uyabhubha engekasiwa eNkqubela egcinwe kwesi sibhedlele.

“Apha kuthi ekhaya siphethe iziphumo zikaAnele ezithi uneTB. Le siyixelelwa sisibhedlele yokuba masimngcwabe njengonekhorona iyasothusa kuba zange sixelelwe ukuba unekhorona uAnele.

Kodwa umnqa kukuba safika umntwana wethu efakwe kwibhegi efaka abantu abanale ntsholongwane yeKhorona,” utshilo uNotiti.

Uthi bajongwe ezibhatyini sisibhedlele, asabanika nkcaza yaneleyo ngonyana wabo.

“Zibene iiveki singawunikwa umzimba ukuba siwungcwabe, sisehliswa sisonyuswa sisibhedlele.” utshilo uNotiti.

Ongasekhoyo ungowesithathu kubantwana abahlanu kubazali bakhe.

UNotiti uthi abali ukuba akanoba nayo ikhorona unyana wakhe, kodwa ukhalela uhlobo abathe baphathwa ngalo sesi sibhedlele kwaye okunye kukuba kubo ezandleni baneziphumo zeTB.

Inkokheli yabahlali kwilokishi iSiviwe eQumrha, uLaido Mngeni, uthi urhalela amanesi abaphathe ngendlela efanayo abahlali.

Uthi noMeyitroni wesibhedlele saseQumrha usoloko engumntu othi “akazinto naye” kolu tshintsho lutsha lweCovid-19.

UMngeni uthi unqwenela uMphathiswa weSebe lezeMpilo angenelele kwimeko embi eyenzeka eKomga Hospital kuba bayaphela abantu ngenxa yokungabikho kohoyo, esithi mhlawumbi kungakho utshintsho xa enokunyathela.

Usapho lude lwabe luyamngcwaba izolo ngoLwesithathu unyana walo emva kwexesha ebhubhile.

Isithethi seSebe lezeMpilo ephondweni, uSizwe Kupelo, uthi babethe kusapho makungcwatywe, kulandelwe imiqathango yeKhorona.