Ugcuma ziintlungu unqevu odutyulwe kumhlaba ongezantsi

Odutyulwe kumhlaba ongezantsi

INDODA ehamba ngeWheelchair, edubule kumhlaba ongezantsi unqevu obezama ukuyiphanga imali eMonti, ibinomsindo ongathethekiyo ngenxa yokuthathelwa imali kwangohlobo olunye eQonce nyakenye.

Le ndoda, ekwiminyaka engamashumi amahlanu anesihlanu, idubule lo nqevu eBalfour Park, eVincent eMonti, ngenjikalanga yangoLwesibini.

Igama lale ndoda asizukulibiza ukuyikhusela nanjengoko omnye unqevu esagcwele amathafa.

Ozibonele ngawenyama, uthi amadoda amabini ebezama ukuphanga imali kulo tata kumatshini wokukhupha imali eBalfour Park, eVincent, eMonti. Enye kula madoda, le idutyulweyo, iye yacela ikhadi lebhanki lalo tata ifuna ukumnceda nanjengoko engumntu okwiWheelchair.

Ngenene lo tata unikeze ngekhadi lakhe, kanti lo nqevu ufumana ithuba lokutshintsha eli khadi.

“Ukhona umntu ombonileyo, ze wandixelela ndabe sele ndikhwaza abantu,” kutsho le ndoda.

Abantu baye beza nalo nqevu, kwaye kulapho le ndoda ithe yacinga esamehlelayo ngenyanga yoMnga nyakenye eQonce, apho yathathelwa yonke imali yakhe yenkam-nkam ngumntu owayefuna ukumnceda kwangolu hlobo lunye.

Kulapho le ndoda iye yakhupha umpu wayo, yadubula lo nqevu kumhlaba ongezantsi yamshiya epenapena ziintlungu.

Lo nqevu uye wathathwa wasiwa esibhedlele kwaye uphantsi kweliso lamapolisa. Isithethi samapolisa uKapteni Nkosikho Mzuku uthi lo nqevu, okwiminyaka engamashumi amane anesine, uzakuvela kwinkundla kamantyi waseMonti kungekudala ejongene netyala lokuphanga.

Abanqevu babini bebehamba ngemoto yohlobo lweSedan (Polo Vivo). Amapolisa athi le moto yeyemizi ebolekisa ngeemoto.

Umpu wale ndoda ikwiWheelchair uthathiwe ngamapolisa, nangona nje unazo iimpepha-mvume.