UGeneral Motors ufulathela uMzantsi Afrika!

Inkampani eyenza izithuthi uGeneral Motors, enondlunkulu oseMelika, ibhengeze ukuba uyawufulathela uMzantsi Afrika.

Inkampani eyenza izithuthi uGeneral Motors, enondlunkulu oseMelika, ibhengeze ukuba uyawufulathela uMzantsi Afrika, isigqibo esothuse uninzi lwabantu beli lizwe.

 

UGeneral Motors, okanye uGM njengoko ebizwa, unesiza esiseBhayi apho enza izithuthi zohlobo lakwaChevrolet, Isuzu nezakwaOpel.

 

Umongameli weGM kwihlabathi jikelele uStefan Jacoby uthi esi sigqibo siza emva kokuba bebone ukuba ukutyala imali eMzantsi Afrika akuzukuba naziphumo zincumisayo.

 

Kwesi sigqibo ikamva leChevrolet libonakala lingacacanga kakuhle. UGeneral Motors uthi uceba ukulithengisa kubenzi-zithuthi baseMzantsi Afrika icandelo lakhe leChevrolet, engaphelanga lo nyaka, logama uthethwano lusaqhuba ngekamva leOpel kweli lizwe. Kutshanje, uGM ubhengeze ukuthengisa iOpel kwinkampani ezinze eFrance ebizwa njengePSA Group.

 

Emva kwesi sigqibo, i-Isuzu ibhengeze iminqweno yokuthenga lomzi-mveliso weGM eBhayi, ukuze iqhube nokwenza izithuthi zayo, ezikhulu nezincinane [Isuzu KB neeloli].

 

Igosa eliphezulu kwa-Isuzu uHaruyasu Tanishige uthe: “Sizimisele ukumilisela iinzipho kwimarike yoMzantsi Afrika.”

 

UGeneral Motors ukwaqinisekise abantu bakhe baseMzantsi Afrika, abangabanini beChevrolet neOpel, ukuba uzakuqhubeka nokubancedisa.

 

Umlawuli kwanomongameli weGM eMzantsi Afrika u-Ian Nicholls uthi esi sigqibo asithatyathwanga lula. Le nkampani ithi ibazisile abasebenzi kwaneemanyano zabo ngentseni yangoLwesine, kwaye uthethwano nabo lusezakuqhubeka.