Ugetyengwe watshiswa umsebenzi wasesibhedlele!

UThabisa Mzolo (44) wongeze kwinani lamanina abulawa ngendlela engenalusini kwilali yakwaHala eCacadu, emva kokuba ebulewe watshiswa ekhayeni lakhe.

Ingxelo ithi le nkosikazi ingumsebenzi kwisibhedlele saseGlen Grey eCacadu, ifunyenwe ibhubhile, itshisiwe ekhayeni layo ngentseni yomhla wamashumi amabini anesithandathu kweyeKhala.

Ingxelo yamapolisa aseCacadu ithi ngenxa yendlela atshiswe ngayo awakwazi kufumanisa iimpawu zokudlwengulwa kuye.

UNkosi Ngangomhlaba Mathanzima okhokele ezi lali uthi udanile kakhulu ziziganeko zokuxhatshazwa kwamanina kwaHala.

“Emva kokuba ndithathe umhlalaphantsi ndifikele kwisiganeko somama owayebulewe ngumzukulwana wakhe kwezi lali. Ngenyanga yeDwarha kunyaka ophelileyo kubulewe omnye uNothusile Dyakophu kwakula lali,” uthethe watsho uMathanzima.

Ngenyanga kaCanzibe walo nyaka kwalahleka uNomfundo Mngwandi ephuma emsebenzini kwisibhedlele saseGlen Grey, wafunyanwa engekho zingqondweni emva kweveki.

“Ndibize intlanganiso namadoda namakhosikazi ala ndawo, wonke umntu uyavuma ukuba ingxaki yaphaya kukuthengiswa kweziyobisi notywala ngendlela egqithisileyo, ndibaxelele ke ukuba mabamanyane kuliwe nengxaki le igqiba abantu,” utshilo uMathanzima.

UMzolo yenye yamakhosikazi azibonakalisileyo ngomsebenzi wakhe kusapho lwakhe nanjengoko evelise izifundiswa kubantwana bakhe abathathu.

“Le nkosikazi ifundise kangangokuba inomntwana ofundela ubuGqirha eCuba, omnye ufundele ubutitshala, lo nto ithetha ukuba ibingumntu osebenza nzima kakhulu empilweni yakhe,” utsho uMathanzima. Unyana kaMzolo, uWongekile, uvakele exhelekile ukuba angathetha ngesiganeko sokubhubha kukanina.

“Ndicela ukuthetha nawe ngelinye ixesha ngale meko, ndiyakucela,” utshilo uWongekile.

Ukanti uMathanzima uthi ucele amakhosikazi kwipalamente yephondo leMpuma Koloni ukuba aqwalasele imeko yokubulawa kwamanina kwilali yakwaHala.

Othethe egameni lamapolisa aseCacadu uKapteni Namhla Mdleleni, uthi ngenene amapolisa aqhuba uphando oluzama ukufumana abenzi beli sikizi.

“Amapolisa aqhuba uphando ngesi siganeko. Kufunyenwe inkosikazi etshiswe kangangokuba asikwazi kuzifumana iimpawu zokudlwengulwa kuba utshe kakhulu, akukho mntu sele ebanjiwe ukuza kuthi ga ngoku,” utshilo uMdleleni.

Le nyanga yeThupha yinyanga yokunika imbeko kumanina eMzantsi Afrika, kuqhutywa iinkqubo zokulwa ukuxhatshazwa kwamanina.