Ugodukil’ uG.Z. Magida!

Umhla wama27 kweyoMqungu kulo nyaka ka2020 awusoze ulibaleke kwimbali yesithili saseCumakala, kuba ngalo mhla, le dolophana ilibone ilanga litshona emini emaqanda, xa isiva ngokuwa komthi omkhulu, ubawo oyinqununu ephume izandla uG.Z. Magida.

Ungenile umnxeba usuka komnye boonyana babaninawa bakhe uZolile Ntshoko, usithi zidwesha zakuthi, ndiniphathele iindaba ezibuhlungu, phofu ke uthe engekaziphalazi kwaezo ndaba, thina baqaphelayo seva kwangelizwi elo lakhe ukuyekelela nokuzekelela, ukuba likho iqhawe okanye iqhawekazi elindulukileyo.

Nangona ebesele emdala kakhulu uPrincipal wethu (njengoko besimbiza uG.Z.), uthe wakubikwa umphanga wokuwa kwakhe ngokaNtshoko lo, saqala sangqukruleka, yadandatheka imiphefumlo, zehla neenyembezi, kuba sisazi ukuba inene omnye wemithi emikhulu kwimfundo yomntwana ontsundu, uwile.

Ubawo uG.Z. Magida uwukhonze isithuba seminyaka engama25 umzi waseCumakala njengenqununu ephume izandla, ukusukela kumnyaka ka1977 ukuya kuma kumnyaka ka2002. Kuyo yonke loo minyaka, isikolo samabanga aphakamileyo esasifudula singuMzoxolo, sabuya sathiywa ngokutsha ngoJongile Nompondo, kuhlonitshwa iqhawe lomzabalazo, ubunkokheli bukabawo uMagida uMpemvu, abuzange bube nachaphaza nakancinci.

Kuthe nakwisithuba sika1990 ukuya ku1991, mhla wathatha ikhefu esiya kuphucula imfundo yakhe kwaNokholeji, indawo yakhe yacaca, isikolo sajika sangumdudo woononkala kunguqulukubhode nje, ngenxa yobunkokheli obungatshongo khona obabubambele ngeli lixa yena esemfundweni.

Inokuba ke phofu imeko yabonwa imbi ngabantu kuba beqhele uNtlotshane lo, kungenjalo zizikhulu izihlangu zakhe zobunqununu kunalowo wayengena kuzo.

Ngenxa yaloo meko ke, uluntu lwakwaMlungisi neCumakala ngokubanzi, kuquka nabo bonke abafundi besikolo sakhe, babhala incwadi bayithumela kwiSebe lezeMfundo, begunyazisa ukubuyiswa kukaG.Z. ngokukhulu ukungxama.

Eneneni ke ubuyile, ebeka ecaleni amaphupha akhe, esiza kuzinzisa imfundo yomntwana ontsundu weCumakala, kwatsho kwaqala ngoko nangoko ukulunga.

Uya kuthi xa esiya kwikhaya lokugqibela uGZ Magida, unyana kabawo uMpemvu noMagaba, nowayezinze kwelo laseNkqantosi ngaphambili, nengumhlaba ophakathi kweCumakala neQoboqobo, thina baphuma kwizandla zakhe ezihle sitsho ngamxhelo mnye ukuba inene ugqatso lwakhe ekuphuhliseni umzi waseCumakala, kwanesizwe esintsundu soMzantsi Afrika, ulufezile.

Kwizandla zikaMpemvu kuphume iititshala, iinqununu, amagosa aseburhulumenteni, abaphathiswa, oosodolophu, abafundisintsapho kwiiyunivesithi zoMzantsi Afrika, iinjineli, oogqirha, oonontlalontle, amagosa omthetho, abefundisi bakwaLizwi, abashumayeli abasulungekileyo, kungasa ndibala mawethu ngendima kaNtlotshane kwizwe lakowethu.

Uya kuthi xa ebekwa uMpemvu, isithwalandwe esihle ngokuthetha, ukucebisa nokwenza, sitsho ngazwi linye thina bamaziyo, sicaphula kumazwi enkokheli yabafundi yelo xesha lethu eyayichongwe kwanguG.Z. ngenxa yokulumka kwayo, uVusumzi into kaHlanganise, sithi ngokumka kwenqununu yethu esibeke kwezi ndawo sikuzo namhlanje, “inene akumnandanga qho”, kodwa ke ngenxa yomzila wakhe omhle osagcinwe ngabo bonke abafundisintsapho baseJongile Nompondo, sithi “inene akukubanga qho!” UG.Z. eseyinqununu, rhoqo evula iindibano zabafundi ngoMvulo nangoLwesihlanu, phambi kokuba abize iinkokheli zakwaLizwi zithandazele isikolo, iinkokheli ezifana noobawo uSmama, ubawo uTofile, ubawo uFonya, ubawo uMjavu nabanye, athethe ngokuzingca esithi: “Umfundi uthi ukuze agqibelele ebomini, akhule kwaye aziphuhlise ngokwasemzimbeni (physically); ngokwasengqondweni (psychologically); ngokwasentlalweni (socially); ngokwendyebo nezoqoqosho (economically); ngokovakalelo (emotionally); ngokwepolitiki (politically) nangokwezemfundo (educationally).

Ukuba bantwana bam nikhula niziphuhlisa ngokwezi nkalo, nakuba ziinkwenkwezi ezikhazimlayo zangomso.” Kunanamhlanje ke, abanye bethu bathi nokuba benza ntoni, bamane ukuqaphela ezi ziyalo zikaNtlotshi!

Ngokunduluka kwakho GZ Ntlotshane Magida, ndinga ndingacaphula kumazwi esikrwaluxa sakwaHoho athi: “Lemk’iqhawe lishiy’amatyutyusi, Libizwa nguQamata noGabriyeli, Nal’izembe ligec’iintsika zeAfrika, Zisiya kwelokugqibel’ikhaya lamakhaya, Apho kungekho kuthetha nakuthethiswa, Apho kungekho singqala nazintuthumbo, Apho kungekho zincwina nazijwili, Apho kungekho kucudiswa nakucudisa, Umki-i-il’uNtlotshan’omhle makwedini!” Hamba kakuhle Principal wethu! Hamba kakuhle GZ Magida!