Ugodukile ngenene umprofeth’omgquba!

Isizwe sithe sisaxakwe ngumba kaGqugqisayo weKholona nokuvingcwa kwamazibuko nkalo zonke zobomi, umntu eza kuvaleleka endlwini, kungayiwa misebenzini, kungahliwa kunyukwa ezitalatweni nakwiivenkile ezahlukeneyo, suka kwavakala isithonga sokuwa komthi omkhulu woMzantsi Afrika.

Lowo ke ibingumphanga wokusweleka kukabawo uVusamazulu Credo Mutwa nowaziwa ngokuba yimboni kwanomprofethi womgquba kwizwe lethu ngokubanzi.

Umprofethi wethu, umthandi wamasiko, umthandi wesithethe sikantu, igqirha lemveli, isangoma sendlu emnyama, usiyazi ongangxengwanga, iSanuse sokuqeqesha amagqirha namaxhwele ngokuzalwa, hayi ngokufundiswa nokubekwa, uswelekele kwidolophu yaseKuruman kwiPhondo loMntla Kapa.

Ikhothama nje le nkonde yemboni ibiselelwe nje yiminyaka emibini ivale ikhulu lonke leminyaka, kuba kaloku izelwe ngomnyaka ka-1921.

Inene ilinikiwe le nkonde ithuba elide lokudla amazimba, kuba kaloku ibimthanda ngokungazenzisiyo uMvelingqangi kwaye ibisondele kakhulu kwizinyanya zendlu entsundu, itshila ngokunqula kuzo umhla nezolo.

Lilonke ke, ngokufanayo nobawo uCredo lo, lowo uthanda uThixo wookhokho bakhe kwanezinyanya zakhe, uthamsanqelekile! Uninzi lwabo bebekholwa kwaye beyilandela le nkonde ibinesiphiwo esingummangaliso sokubona izinto zingekenzeki, bayakhumbula ukuba kwiminyaka ephaya kwisibini phambi kokukhululwa kwenkokheli yomzabalazo kwintolongo ephantsi kwezo ntaba zeDrakenstein, phakathi kwePere neFranschoek, ubawo uMutwa watsho esidlangalaleni ukuba inkokheli yabantu kungekudala iza kukhululwa entolongweni.

Okwesibini, uthe ekwinkqubo eyayikhokelwa yimbokotho umama uFelicia Mabuza, kumnyaka ka-1993, wathetha phandle ubawo uVusamazulu esithi kungekudala, ikho inkokheli yedabi lenkululeko ethandwa sisininzi, neza kubhubha kabuhlungu ngokugetyengwa, ukuze emva koko kulandele nenye ehlonitshwe kakhulu nekwinqanaba lobunkokheli kwihlabathi jikelele. Xa wayeprofethi echaza ngezi zehlo, akazange abize magama abantu.

Iziprofetho zakhe zazaliseka ngenene nangenyaniso, kuba waye wakhutshwa entolongweni ubawo uMandela, kwasele kuzaliseka namazwi awayethethwe kwangulo kaMutwa wokuba akayi kuphuma nje entolongweni kube kuphelele apho, koko lo nyana kaDalibhunga uya kuwongwa ngesikhundla sokuba ngumongameli wokuqala ontsundu kwimbali yoMzantsi Afrika.

Nale yenzeka ke, ngokufanayo nokunduluka kweenkokheli zethu zomzabalazo, ubawo uThembekile Hani esimka kabuhlungu, waze walandelwa kukumka kweqhawe lenkokheli ephume izandla ekuzinzisweni kukaKhongolose, ubawo uOliver Reginald Tambo.

Umprofethi, isazi, imboni yethandzwe nethanda-masiko akwantu kwanomthandi we-Afrika nama-Afrika uCredo Vusamazulu Mutwa, unduluka elufeze ngaphandle kwamathandabuzo ugqatso lwakhe. Ngaphandle kokuprofetha echaza izinto zingekenzeki, kwizandla zakhe kuphume oosiyazi, amagqirha namaxhwele enza izinto ezibonakalayo.

Lo mthandi woxolo, nangona ekhe watolikwa ngokungachanekanga ngamanye ama-Afrika, ecinga uthobela kakhulu imigaqo yocalucalulo kuba ekhuthaza uxolo nokuxolelana, uthe ngoku sele ephetheke kakubi, ephathwa kwangabantu bezwe lakowabo, akatyhafa ekuthandeni ama-Afrika, kangangokuba uthe ebekelwe bucala, wabhala iincwadi ezininzi nezityebe ngothando lwakhe lwe-Afrika.

Phakathi kwezi ncwadi, kukwakho ezo zifana nezi: Indaba bantwana bam; Isilwane; Abantu bam – i-Afrika yam; Imbali yezizwe ze-Afrika – amabali, amasiko nenkolo yengqiqo-bu-Afrika; Amaphupha, iziProfetho, iiMfihlelo zonqulo lweNyange lakwaZulu kunye naleyo yashukumisa ilizwe iphakamisa ubungangamsha bamanina phakathi kohlanga, incwadi eyayithetha “ngeendlela ezine zentsokolo yomntu wasetyhini.”

Kuzo zonke ezi ncwadi, ubawo uCredo Mutwa wayesebenzisa amabali neentsomi ezinengxam nembali yobomi bama-Afrika, iinjongo zakhe ikukufundisa umntu ontsundu ngemveli yakhe, ukuxabiseka kwakhe, ngempilo yakhe yale mihla, kwanendima yakhe emhlabeni phakathi kwezinye izizwe. Indima kabawo uMutwa ngokusazisa ngobomi bethu ma-Afrika ngokubanzi siyayibulela, kangangokuba ubawo uTshobisa nam ndisaleka, ebeya kuyindulula le nkonde ngelithi, “Utheth`ehleli yedwa egxulush’izikrweqe. Igqudu, intshuntshe, izagweba zokugweba. Amaza obu bomi azulumbel’indoda. Idaphuke xa kulaph’intambo’okufa. Walal’umpolofithi kufunw’umAfrika ekhaya.

Makube njalo ma-Afrika xa egodukayo; umgeleshi nomtyali batyalwa njengembewu. Camagu ngegalelo lakho ekuvuseni i-Afrika Vusamazulu! Ndlela-ntle Vusamazulu Credo Mutwa!”