Igqirha lodumo uMakgotso Mofokeng nowaziwa ngelikaGogo Maweni, unikwe ibheyile yeR5000 emva kokuchitha iveki eziseleni ngezityholo zokubetha ngenjongo yokwenzakalisa umzimba (GBH).
Umbuso awusichasanga isicelo sakhe sebheyile.
Ummeli wakhe, uAdvocate Riaan Gissing, uchaze izizathu zokuba kutheni isicelo sakhe sebheyile kufuneka samkelwe, kuquka nokuba eli gqirha ngumama wabantwana abane kwaye likhulelwe amawele – esinye sezizathu kukuba alizukwazi ukufikelela kumayeza afunekayo entolongweni.
Ukwathe uGogo uMaweni uziqeshile enabantu abasebenza phantsi kwakhe, kwaye ishishini lakhe lingachaphazeleka ukuba usentolongweni. Ukwakhankanye ukuba ulijikeleza ilizwekazi esenza umsebenzi wesisa.
“Ujongene apha nomba oye wehla phakathi kwabantu abaninzi kwiminyaka emihlanu eyadlulayo, ukubanjwa kwenzeka ngoku. Umenzi-sicelo uthe naye uvule amatyala kwaye kubonakala ngathi zizityholo zokubetha kunye nokubiwa kwefowuni yakhe, zange ahambele ndawo la matyala,” utshilo uGissing esilwela ukuba uGogo Maweni afumane ibheyile.
UMantyi uRozelle Khiye uthe abukho ubungqina bokuba uGogo Maweni angabeka uluntu okanye ummangali emngciphekweni ukuba ukhululwe ngebheyile, okanye azame ukulibaleka ityala lakhe.
“Wazinikela kwisikhululo samapolisa saseMondeor, akukho nto ibonisa ukuba uya kulibaleka ityala lakhe. Uhlale iminyaka engama27 eMondeor, ke idilesi yakhe iyaziwa. Akukho bungqina namhlanje bokuba uza kuzama ukuphembelela okanye ukoyikisa amangqina, okanye uza kubufihla okanye abuchithe ubungqina,” utshilo uMantyi uKhiye.
Nangona kunjalo, uMantyi uthe ngenxa yokuba uGogo Maweni engazange azichaze izigwebo zakhe zangaphambili xa wayevela okokuqala enkundleni nokunika iinkcukacha ezingeyonyani ngethuba ebanjwa, umbuso uthathe isigqibo sokumbeka ityala elongezelelekileyo lokubonelela ngolwazi olungeyonyani ngexesha lokuxoxwa kwebheyile yakhe.
“Ngoko ke, namhlanje inkundla iza kumnika umenzi wesicelo ibheyile yeR5000,” utshilo uMantyi uKhiye.
Imiqathango yebheyile kaGogo Maweni ibandakanya ukungadibani ngqo okanye ngokungathanga ngqo nommangali, kufuneka azise igosa eliphandayo ngohambo lwakhe xa ephuma eMzantsi Afrika, kufuneka azise igosa eliphandayo ngomhla xa etshintsha idilesi yakhe kunye nedilesi yakhe entsha.
Eli tyala lihlehliselwe inyanga ezayo ngomhla we11 kweyoMdumba 2025.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro