UGqirha Yan Fuqing waseTshayina wayeneminyaka engamashumi amabini anesibini ngo1904 xa wathi wathatha uhambo olusuka eTshayina esiza kweli loMzantsi Afrika ukuza kunceda abasebenzi basemigodini.
Ingxelo ithi eli gorha lasuka eTshayina emva kokuva iingxelo zokuba abasebenzi basemigodini abazinzalelwane zaseTshayina kweli babulawa zizifo ezinganyangekiyo.
Iimeko zentlalo kwakunye nezo zifo zazingalawuleki zazibangela ukuba kunyuke ukugula phakathi kwabasebenzi basemigodini. Ngaphandle kokuba wakwazi ukunikela ngesiqu sakhe ezokunyanga abantakwabo kweli loMzantsi Afrika, uGqirha Fuqing wadlala indima enkulu ukukhulisa imeko yezonyango kwilizwe laseTshayina.
IYunivesithi yaseWits ibambisene nendlu yozakuzo yaseTshayina bavule ngokusesikweni iziko lokukhumbula uFuqing kwiziko lokugcina imbali, iAdler Museum of Medicine eWits kutshanje. Unozakuzaku waseTshayina obambeleyo, uZhou Yujiang, uncome igalelo likaGqirha Fuqing kwiinzame zokukhusela iimpilo zabasebenzi baseTshayina.
“Ingxaki yonxibelelwano yayibangela ukuba kubenzima kwabo basebenzi ukufumana uncedo oluchanekileyo lezempilo, kodwa ukufika kukaFuqing kwenza umahluko,” kutsho uYujiang.
Eli ziko kuqhutyelwe lo mcimbi kulo lelinye lamaziko agcine imbali yeenkonzo zempilo elikhulu kwihlabathi. “UGqirha uFuqing wayeligorha elidlale indima enkulu kakhulu kwezempilo kwilizwe lethu iTshayina, ngoko ke kuyasivuyisa ukuba uMzantsi Afrika wenze esi sikhumbuzo egameni lakhe,” kucacisa uYujiang.
UMzantsi Afrika unentsebenziswano entle necacileyo kwimicimbi yezopolitiko, ukhuseleko norhwebo noshishino kwakunye nelizwe laseTshayina.
“Imbali isixelela ukuba emva kokuba egqibe isidanga sakhe sobuGqirha kwiYunivesithi yaseYale – akazange alibazise ukuza kweli loMzantsi Afrika ukuza kunceda abasebenzi basemigodini baseTshayina,” uvalelise ngelo uYujiang.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika