Ambalwa kakhulu amanina athi azibandakanye kurhwebo ngeoli namafutha eenqwelo eMzantsi Afrika, kodwa yena uQueen Majola uyagqobhozela kolu shishino lugcwaliswe bubukho bamadoda.
UMajola ominyaka engama39, ngumphathi ozingcayo wenye yeegaraji zaseCala.
Lo mama wamakhwenkwe amabini uqale ukusebenza njengonothili emva kokuba wathi wohluleka ukugqibezela izifundo zakhe zobunjineli ngenxa yeemeko zokunqongophala kwezimali.
Ngowama2010 ngethuba ebuya kwikhefu elinikwa abadlezana, uMajola waziqalela ishishini lakhe nalapho wayethi ajikeleze iigaraji zaseThekwini ekhangela izinto ezizidingayo ukuze azithengele.
“Ndandidikiwe kukuba ngunothili kwaye ndanditshiseka ndifuna ukwenza inguqu ebomini bam ukuze ndikwazi ukunceda usapho lwam,” utshilo uMajola.
Ngethuba esenza lo msebenzi wakhe udibene nosomaqhuzu waseThekwini uSbonele Mbatha ongumphathi wenqwaba yeegaraji apho. UMbatha uye wamqeqesha emnqwanqwada lo kaMajola, emkhuthaza ukuba abuyele ekubeni ngunothili kwakho apho efumene ithuba lokufundisisa iindlela zokuqhuba ishishini leegaraji.
“Ishishini lam beliqhwalela ndaze ndagqiba kwelokuba ndibuyele kubunotili. Emva kwethutyana ndanyuselwa ndangumphathi nto leyo yandikhuthaza ukuba ndifuna ukuba neyam igaraji, ” utshilo uMajola.
Ngowe2017, uMbatha uthenge enye igaraji waze wanika uMajola ithuba lokubayimanejala kuloo garaji.
“Besimpompa iilitha ezingamawaka angamashumi asibhozo ngenyanga, ndaze ndathi ukufika kwam ndathengisa amakhulu amabini eelitha,” utshilo.
Uthi uMbatha ubeye ahambe naye koonyangantathu beentlanganiso zeemanejala yentlanganisela yeegaraji apho afunde lukhulu ngeli shishini.
Ngethuba esasebenza apho waxhakamfula ithuba loqeqesho elalifumaneka kwiarhente yePetroCONNECT ngo2020. Le arhente iye inike abaqeqeshwa ithuba lokufunda ubuqili bokuqhuba eli shishini ngenkcubeko.
Emva kokuqukumbela kwakhe ezi zifundo, uMajola uye wanenkolo yokuba angakwazi ukuziqhubela ishishini lakhe, waze wafaka isicelo sokufumana eyakhe indawo yokurhweba. Uye wachongwa ukuba afumane eyakhe igaraji nyakenye.
Ubongoza amanina ukuba angoyiki ukungenelela kurhwebo lwamafutha neoli , kwaye unethemba lokuba ubukho bakhe buza kukhuthaza amanina nangakumbi.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike